Mayingabhangi iLovedale Press

Ndisandula kuva ngomngcipheko wokubhanga unaphakade kweLovedale Press, iziko lopapasho lweencwadi zesiXhosa lokuqala nelinembali eyaziwa phantse nguye wonke ubani eMzantsi Afrika, nakwamanye amazwe.

Eli ziko lisemngciphekweni wokubhanga unaphakade ngenxa yeengxaki zemali elikuzo. Kambe ke kuvakala ukuba labaphantsi kwenkqubo yokubhangiswa kwangonyaka wama2001, nalapho lathi lahlangulwa ngababesaya kuba ngabasebenzi balo ngokuthi bancame iimali zomhlalaphantsi wabo balithenge.

Nangani kwabanjalo abazange babe nako ukulihlangula ngokupheleleyo, ze isakhiwo nezinye iimpahla zalo zathengiswa, laba liyasirenta ke isakhiwo eso ukuze lihlale lihleli kuso.

Oyena nobangela uphambili wokubhangiswa kweLovedale Press ngowama2001 kuvakala ukuba yaba kukuguqulwa kwemfundo kweli lizwe (OBE, CAPS) okwafunisa ukuba kuguqulwe neencwadi zimelane nezo nkqubo.

Ngenxa yesimo esibi kwezemali eyayikuso ngelo xesha ayizange ikwazi ukuguqula iincwadi zayo zime ngokwemigqaliselo yeenkqubo ezintsha, yabe iyaphuma ke kwiqonga lentengiselwano nesebe lezemfundo.

Isebe lezemfundo ngoyena mthengi weencwadi kweli lizwe, kwaye intengiso yeencwadi zesiXhosa ixhomekeke kulo njengoko amaXhosa engazithengi iincwadi.

Imingeni yeLovedale Press iye ikhula ngokukhula njengoko yathi emva koko yaxhomekeka kubathengi ababemana ukuthenga nganye nangambini kwiincwadi zayo, de yabe ayikwazi nokuhlawula irenti yesakhiwo ekuso nekungokunje umninisakhiwo uyayikhupha kuso.

Ukuphuma kweLovedale Press kwesi sakhiwo iya kuba kukubhanga kwayo umphelo njengoko ingasayukwazi ukufuna indawo ingenye phantsi kweemeko zemali namatyala ekuwo. Iqonga loosozilwimi besiXhosa, iLiso loKhozi, nebekucingwa ukuba sele labhanga ngabaninzi, libhalele uMphathiswa Nathi Mthethwa ukuba angenelele athintele ukubhanga kweli ziko.

ILovedale Press liziko elinembali yolwimi isiXhosa ethathelwa kwakwinkulungwane yoo1800; ayiseloshishini leencwadi nje kuphela, LILILIFA LEMVELI YOLWIMI ISIXHOSA.

Eli qonga libhalele uMphathiswa njengogunyaziwe kwimicimbi yezinto ezililifa lemveli kwakunye neyeelwimi kweli lizwe, lisithi akanakuthula angenzi nto ngale nyewe. Limcelile ukuba isebe lakhe liqwalasele ukuhlangulwa kweLovedale Press, nangaluphi na uhlobo.

ILiso loKhozi liphakamise kuMphathiswa ukuba iSebe lakhe lithethane nabanini beLovedale Press malunga nokuthengiselwa lo mzi abe liziko loshicilelo lweencwadi ezingeelwimi zemveli likarhulumente woMzantsi Afrika.

Licebise ukuba urhulumente eli ziko angalisebenzisela iinkqubo zeSebe zokukhuthaza ukupapashwa kweencwadi ezibhalwe ngeelwimi zemveli, ingabi sisiXhosa sodwa koko kube ziilwimi zabantsundu zonke.

Lithe ukuxhomekeka kukarhulumente kubapapashi abangoongxowankulu kuyayibambezela inkqubo yokuphuhliswa kweelwimi zemveli ngokubhaliweyo njengoko bona bejonge ushishino lwabo, hayi uphuhliso olufunwa ngurhulumente.

Okwesibini eli qonga liphakamise ukuba iSebe lisengakhetha ukuba iLovedale Press iguqulwe ibe LILIFA LEMVELI YOKUBHALWA KWESIXHOSA EMZANTSI AFRIKA, iinkqubo zalo zihlawulelwe ngurhulumente kubandakanya nabasebenzi balo.

Libalule ukuba iLovedale Press ibekho kwakwinkulungwane yoo1800, oko ke kuyenza ikufanele ukwenziwa ILIFA LEMVELI. Isabagcinile oomatshini bokushicilela bakudala nabanembali ebalulekileyo kweli lizwe ngokubhalwa kweelwimi zalo; yonke nje impahla yeli ziko ililifa lemveli.

AbesiBhulu baneziko lemveli yolwimi isiBhulu nelenza igalelo elimangalisayo ukugcina olu lwimi lumelene nezanzulu zexesha; ukwenza njalo nakwiilwimi zemveli zeli lizwe kungangumgama obalulekileyo kwidemokhrasi yeli lizwe.

IsiXhosa lulwimi lokuqala ukubhalwa phantsi kwiilwimi zabantsundu, ukusungula iziko eliphawula leyo mveli ngumbono ophucukileyo ukulondoloza imbali yeli.

Kazi ingade ibhange iphele tu na iLovedale Press, iziko eliteketeke yimbali yokubhalwa kwesiXhosa, bekhona abantu norhulumente wabo? Akusekho nempunde kangxowankulu na kwabakuthi enokuvela ihlangule iLovedale Press?