Mbalula: Besinokuthini xa ebanjwa uJacob Zuma?

Ilungu leNEC yeANC uFikile Mbalula UMFANEKISO: Simphiwe Mbokazi

ILUNGU lekomiti embaxa kazwelonke (NEC) yeANC uFikile Mbalula uthi obesakuba nguMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma bekunyanzeleke ukuba agxothwe ukuze ajongane neengxaki zakhe ekude kwisikhundla sobuMongameli.

UMbalula ebethetha kwiholo yesixeko saseMonti kwimpelaveki esiyishiya ngasemva, apho ebedibene nesigqeba seANC eWB Rubusana (ebisaziwa njengeBuffalo City) ngeenjongo zokuya kucacisa isigqibo seNEC sokugxotha uZuma.

Isikhokelo saseWB Rubusana, esiquka usihlalo uXola Pakati, sithe sayizimasa le ndibano. Ilungu lekomiti embaxa yephondo (PEC) uStella Ndabeni-Abrahams naye ebekhona kule ndibano.

Ethetha nala malungu, uMbalula uthe: “Ewe asiyonto intle ukugxotha uMongameli, kodwa kwinyewe kaZuma ibingekho enye indlela ebesinokuyenza. Besiza kuthini xa uZuma ebanjwa enguMongameli?”

UMbalula uthi iNEC iye yavumelana ngamxhelo-mnye ukuba uZuma kufanele ashenxe kwisikhundla sokongamela ilizwe ukunika uCyril Ramaphosa ithuba “lokuvuselela nokuhlaziya” iANC.

“Isigqibo sokukhweba uMongameli (Zuma) kwisikhundla sakhe, ibisisigqibo sekomiti embaxa yeANC – akukho nomntu omnye osiphikisileyo esasi gqibo.

“Uthe xa uMongameli exelela uMongameli Ramaphosa noNobhala [Ace Magashule] esithi akayazi ukuba kungxanyelwe ntoni ekumgxotheni, saqonda [siyiNEC] ukuba ayikho enye indlela, masimkhwebe esikhundleni sakhe,” utshilo uMbalula, okwanguMphathiswa weSebe lamaPolisa.

UMbalula uthi ukubeka phantsi iintambo kukaZuma, kunika ithuba iANC lokugxila kwimiba engundoqo, efana nokukhokelisa uluntu loMzantsi Afrika phambili kwimiba yophuhliso.

“Enye nenye into, equka nale yengqumbo yabantu baKwaZulu Natal akufanelanga siyihoye. Into ngoku ebalulekileyo, kukujonga phambili siphuhlise iimpilo zoluntu lwakuthi.

“Mhlawumbi akhona amaqabane abefuna uqabane uZuma aqhube de kuphele isigaba sakhe kunyaka ozayo, kodwa lo nto bingasokuze ikwazi ukwenzeka. Ukuba ubekwa ityala [lobuqhophololo] kule veki, besingaphendula sithini? Indlela yokusombulula iingxaki zikaZuma, kuxa engekho kwisikhundla sobuMongameli,” utshilo uMbalula.