Mthandeni Nonke, nimphe inkxaso

Umasikhandi waseCumakala uMthandeni ucela ivoti

UMasixole Felem welali yakuMgwali eCumakala uzenzela igama kumculo kamaskandi nalapho aziwa ngelikaMthandeni Nonke.

Icwecwe lakhe nelilelokuqala ngqa eliphume kunyaka ophelileyo lithi ‘Zibonakalise’.

Ngoku uMthandeni ucela iivoti kubalandeli nanjengoko engomnye wabakukhuphiswano lwenkqubo yokukhangela italente eqhutywa sisikhululo itrufm iTruTalent Search.

UMthandeni uthi ngokuchongwa kwakhe kumangenelo eTruTalent Search kunyaka ophelileyo, kwinyanga yeThupha, kwamothusa kwaye kwamonwabisa, uthi kuba umculo kamaskandi usoloko ujongelwa phantsi kwaye ingowabantu abathile.

Le mvumi ithi ikhule iwuthanda umculo wolu hlobo kuba abazali bakhe nguwona babewuxabisile bewumamela ekukhuleni kwakhe.

UMthandeni uzibethela ngokwakhe isiginci nalapho avakalisa ukuba waqala eneminyaka elishumi ukwazi ukukhalisa isiginci.

Uthi wafunda ngethuba bengamakhwenkwe xa babezikhalisela nalo uthando lwakhula. Xa uvotela uMthandeni ubhala Music3 ku 33666 efowunini yakho.

Le mvumi ikwachongiwe nakwiiSATMA Awards apho uvota ngolu hlobo Mthandeninonke Best New Comer ku33888.

abongile.ginya@inl.co.za