Musa ukudyarhaza, yonga imali

UThabo Mandila nongumcebisi kwezezimali. umfanekiso: Uthunyelwe

Ixesha lokuphela konyaka lixesha apho abantu badibana nezihlobo zabo, futhi ke kulapho imali isetyenziswa kakhulu nto leyo ithi ibangele abantu ukuba bantyumpa-ntyumpeke ematyaleni.

Nanjengoko sele siphakathi kwinyanga kaxakeka eyoMnga, uninzi alukaqapheli ukuba sele luyidyarhaza imali nangona iKrisimesi ingekafiki nje.

Sincokole nomcebisi kwezezimali eMonti, uThabo Mandila, nalapho athi ngalo lonke ixesha kubalulekile xa uzakuphuma usiya edolophini naxa uzakusebenzisa imali ubenephepha apho ubhala zonke izinto ozakuzithenga ngeenjongo zokonga imali yakho yebhonasi.

UMandila uthi, ukucwangcisa kubalulekile kuba awugaxeleki matyaleni, awuthi xa kuqala unyaka ungazazi nokuba mawuqale ngaphi.

Lo nto yenza ukuba umntu abenonyaka ombi kuba uzakuthi antyumpa-ntyumpeke kuwo kude kufike enye ibhonasi.

Kanti xa ucwangcisile ubom bubalula kwaye nonyaka ubhabhe kuba ingxaki yemali khange ubenayo unyaka usaqala.

UMandila uthi, uqhelile ukuphila ngomvuzo wakho iinyanga ezilishumi elinanye, nangoku ungakwazi makungatshintshi nto. Uluntu malungaqhathwa yimali yebhonasi.

Uthi sele ufika evenkileni ngaphakathi hlala kwiphetshana lakho obulilungisile, ungavuyiswa yimali esesandleni uthenge nento ongakhange uyicwangcise.

Kwiphetshana elo ulibhalileyo, yifake nempahla yesikolo yabantwana ukuzenzela lula kunyaka ozayo.

Enye yezinto echana abantu ligama elithi “Sale” yenye yezinto ephazamisayo, omnye uzibone sele ethenga ezo zinto zikwi-Sale ube ubungakhange uyicwangcisele yona.

Kwabo basuka kumanye amaphondo babuyayo, ucebisa ukuba shiya ngasemva imali yokuphinda ubuyele kwiphondo osebenza kulo ukulwa ukushiya amatyala emakhaya.

Uthi naxa ucwangcisa sukuyilinganisela imali kuba kubakho nezinye zezinto eziqubulisayo ezifana nokugula kwabantwana.