Nakuthandaza nikhuthuke amadolo

Xa imikhuba nenkohlakalo zisanda ngokwanda esizweni kuyafuneka kungabe kujikelezwa ngokungathi kukhangelwa ihabiya, kufuneka kuyiwe ngqo kule ndawo ifele ithole.

Ukwenza into engazi kusisa ndawo sibadala kuyaxhalabisa kule mihla kwaye izigigaba azinciphi, ziya zisiba mandundu, siya sihlazeka mihla le elizweni jikelele.

Omnye uza kubuza ukuba ndisuswa yintoni, ndisuswa yile nto yokuba abantu ababhinqileyo bebulawa mihla le, bedlwengulwa mihla le kodwa endaweni yokuba kuyiwe kule ndawo ifele ithole iziphathamandla zibe zilibele kukugwengula ngokungathi intsusa nonobangela azimazi okanye okhe wanecebiso elingelilo eli balithandayo basuke bamdle ngamazinyo okanye athukwe ngala madoda kula makhasi onxibelelwalo ade abengathi amnxibele unomtidili.

Wawukhe wayiva phi into yokuba umfana osaze ngobuso elizweni, athi ngokuxabana nomkakhe, athi akushiywa lusapho abulale loo mfazi nabo bantwana na kakade?

Wawukhe wayivaphi into yokuba ityendyana elisaze ngobuso elizweni libenomnqweno wesondo kwiintanga zikaninakhulu, eloxesha umfazi uzele waphul’ uluthi, neentanga zakhe zikhona?

Angoneli kukuba namasikizi okudlwengula ixhegwazana athi akugqiba alibulale. Igazi lomntu liyathetha ntozakuthi. Wawukhe wayivaphi into yokuba isizalwane sidlwengule umntana kadadewabo simbulale okanye ummelwane abize umntwana kanti unenjongo zengonyama ebona isilwanyana sokubulawa?

Kaloku aba bantu inkoliso yabo zange batyiswe nezobhokhwe kumawabo. Abanye bayalwa kukho umoya abaziva kakuhle iziyalo zamadoda, abanye bayalwa ngebhayiphile enoPawulosi abe uPawulosi ejonge esakhe isizukulwana.

Abantwana banamhlanje abazazi iziphumo zemibulo, ndingabhala imini nobusuku. Izinyanya ziqumbile kwaye ngoku zivuk’injebomvu kuba ziyanyenjwa kwilizwe lazo kudakasa izinyanya zaphesheya, kwaye soze ezi zethu izinyanya zinikwe nesuntsu elingangentakumba phesheya.

Kanti sakuphumla phi zinkokheli ezintsundu, nibe nidlisela ngenkululeko sibe sisifa thina sibulawa nini ingengomlungu ke ngoku?

Into eyenziwayo ngoku sibona ezinkolw’ ezafikayo kweli lizwe ziphambili zinge zithandazela ukuba kuphele le mikhuba.

Eloxesha eyemveli yalapha iyanyhashwa ngaphandle kokuba ifuna ukuba phantsi kwekhwapha lezi zafikayo, iyafuthaniselwa. Kungalunga ntoni ke apho?

Niyakuthandaza nikhuthuke amadolo ukuba anizi enyanini. Naloo Yesu soze aniphendule kuba wazi abakokwabo. Kwaye nalooThixo nithi ngoka Abram akanazi kuba nisebenzisa isitshixo angazange aninike sona.

Nisabukula izinyanya zenu niseza kuphalala. Nezi nkokheli zibambokrayo abafazi kumakhaya azo, nazo zima entabeni zithi ‘Hayi ngegama lam’. IIsimanga sezimanga! Eloxesha umfazi uyangcungcutheka ekhaya. Vumani Bo!

Umbuzo ngowokuba kutheni izinga lezi zigigaba lingehli? Impendulo inye, yimithetho yeli lizwe inkinkqiwe kumazwe aphesheya yavele yagalelwa bhuuuu phezu kweentloko zabomthonyama.

Nokuba iziyobisi zinendawo yazo, kodwa ukuba ilizwe eli lethu belinemithetho engqongqo imithetho enesiseko seemfundiso zookhokho bethu, umntu onemikhuba nonequngu ebezakuyazi into etyiwa ligqirha emva kocango.

Ngoku abazali abakwazi nokuthi HATA emntwaneni ogaqela emlilweni kuba umthetho usitsho, wakumthi chwakra ngeminwe emibini emva kwesandla umntwana wakho uza kubanjwa kodwa xa etshile kuthiwa umzali makathathe uxanduva. Sise yiphi komkhulu?

Umthetho wamaRoma namaDatshi uthi xa isigila-mkhuba sibanjwa, ipolisa maliqiniseke ukuba liyasilumkisa phambi kokuba lisibambe, nokuba ayaquleka amaxhoba awahoywa ngaba bantu bomthetho. Uyakuva ipolisa lithetha ngesithozela lisithi kwisigila mkhuba,

unelungelo lokuthi cwaka ungandiphenduli kwanto endikubuza yona, unelungelo legqwetha, ukuba awunalo okanye awunamali, uRhulumente uza kukufunela elasimahla. Futhi ulumke ungathethi kwanto ngoku kuba kusenokwenzeka thina loo nto siyisebenzisele ukurhintyela wena.

Linyanzelekile ipolisa labantu torho kuba esi sigilamkhuba singathi kumantyi mhla ngetyala sithi zange siwaxelelwe amalungelo aso, aphethe umantyi ethetha lwimi lumbi abe yena umntanomntu edlwenguliwe okanye ebulewe, nelotyala libenguzengezenge othatha iminyaka, aye etyeba amagqwtha.

Umthetho okhoyo uchitha imizi, abantwana basala bengamathole amantshiyane bengenamakhaya kuba uRhulumente waveza into ka50/50 xa abantu besohlukana.

Ezidolophini ndikhe ndayibona le nto kuthengiswa umzi bohlulelana ngemali abazali, baphinda bazitshatela abazali kwabanye abantu, basala abantwana bephetheke kakubi bengenalo nelokhaya.

Ukanti ke esintwini umzi awuthengiswa ngowomfazi nabantwana bakhe, likhaya labo elo ayixoxi loo nto. Ngoku sinabantwana abahamba bekhangela ooyise abangazange babahlawule bengazange babahoye, bengazange babenzela masiko, bambi behamba bethukwa kusithiwa ngabantwana bamankazana.

Abanye ootata bazimela ngesebe lenkawu besithi aba bantwana benza lamasikizi ngabantwana abakhuliswe ngaphandle kooyise ngokungathi aboyise ngoongcwele-ngcwele. Bubuvuvu obo, bathini ngaba bantwana bathi bakhule ooyise bexhaphaza bengcungcuthekisa oonina phambi kwabo, yiyo le nto bedlongodlongo?

Le nto ayifuni kwenziwa unam nawe, ifuna iingxaki zibekwe esithebeni, hayi ukwenzela ukubhengeza kwezonxibelelwano abe umntu eyingonyama kwakhe.

Wawukhe wasiva phi isizwe esamkela abantu ngobuntu, ze abo bantu kuba befuna ukwenza unothanda enkundleni yomnye umzi basuke bafake igwangqa kwakumninimzi xa ebanqanda bephuma ecaleni?

Yonke len to ibangelwa kukuba imithetho yalapha ekhaya yatyeshela isiNtu yaphapha nemithetho yabelungu. Esilungwini kuthi kwakubhubha abazali kuthengiswe loo mzi kohlulelwane ngemali, iphele tu ke into yokuba nekhaya. Akunjalo ke esintwini inkaba iyathetha.

Makhe le mithetho iphinde ijongwe ukuba isiphuhlisa njani na esalapha ekhaya isiNtu, hayi esaphesheya, sona masiguqe kwesi salapha ukhangele ukuba le mikhuba inganda na. Camagwini!