Nam uBrickz wandidlwengula – Ntsiki Mazwai

Imbongi yodumo uNtsiki Mazwai Umfanekiso: Twitter

UNtsiki Mazwai ugqibele elivezile kumakhasi onxibelelwano igama lemvumi esele enexesha eyisola ngokuba yamdlwengula.

Le mbongi nephinde ibeyimvumi iveze ukuba kwiminyaka emininzi eyadlulayo, imvumi yeKwaito uBrickz, yamnukuneza.

“Nam ndadlwengulwa nguBrickz #BreakTheSilence”

Akaqali ukuthetha ngesi siganeko, nakuba ubeqala ukuveza igama lowamnukunezayo. Nangexesha abasetyhini babeqhankqalazela uMongameli Jacob Zuma ngesiganeko sowasetyhini owathi wambeka ityala lokumdlwengula, uMazwai waveza naye ulixhoba lokudlwengulwa yimvumi edumileyo nethandwayo ngabaninzi eMzantsi Afrika.

Kwi-blog yakhe wabhala ngesi siganeko senzeka kwiminyaka eyadlulayo, nalapho kwakukho umcimbi wokuvuyisana nomnye wabahlobo bakhe.

UMazwai ucacisa ngesi siganeko banzi, nalapho esithi le mvumi yambamba yamyamisa edongeni emnyango. Ngelo xesha kwakungekho mntu kulo mzi, ababekhona abahlobo babesele behambile. Emva koko uthi akazange azi ukuba kumele avule ityala ngoba wayephazamisekile sesi sehlo.

“Ndiyazi kwaye ndiqinisekile ukuba ndathi andifuni, kodwa waqhubeka. Wayenamdla kunam,” utshilo uMazwai.

Kusenzeka oku nje uBrickz usandul’ ukufunyaniswa enetyala lokudlwengula owasetyhini owayemncinane ngeminyaka. Kulindeleke agwetywe ekupheleni kwale nyanga.

Akafumanekanga uMazwai ukuphefumla ngalo mba.