Ncedani iilwimi zethu zesiNtu ziyatshabalala

Iilwimi zesiNtu eMzantsi Afrika zijongene nomngeni omkhulu, ukunganikwa isidima ezisifaneleyo.

Akukho bantu baninzi abaqeshwayo abanesakhono nobuchule bokuphucula ezi lwimi zesiNtu. Inkitha yabantu abatsha abanesakhono abanikiwa ngqwalasela .

Ukusilela kwezimvo ezintsha, iingcebiso kwakunye neembono kucinezela kukwatsalela ngasemva inkxaxheba nomgama osele unyathelwe ngumgaqo-nkqubo weelwimi welizwe.

Incinci kakhulu inguquko eyenziwe ziibhodi kwakunye neekomishini zeelwimi; ingakumbi kumanqanaba aphezulu afana nokucwangcwiswa kweelwimi kwakunye nokuqulunqwa kwesigama.

Abafundi abaphuma kumaziko emfundo ephakamileyo, nabathweswe izidanga zezifundo zeelwimi abafumani thuba lakuthabatha inxaxheba nakuqeshwa, akukhathaliseki nokuba bafunde bade bayifakela nomsila imfundo.

Benziwa ababukeli emdlalweni ekumele bawudlale. Xa kuthethwa ngomba wokuphuhliswa kweelwimi zesiNtu; abaphathiswa, izifundiswa kwakunye nongqondongqondo kwezelwimi bayakhawuleza ukugxeka abantu abatsha ngelithi abafuni ukufunda iilwimi zesiNtu, nto leyo encedisayo ekubeni zingaphuhli ngokwaneleyo ezilwimi.

Xa kunamhlanje izinto zitshintshile, kuba bakhona abazifundileyo kodwa nangona benze njalo, abawafumani amathuba engqesho.

Xa aba bazifundileyo bengakwazi ukuxhamla basebenzise izakhono abanazo, bazokwazi njani ukukhuthaza abanye ekufundeni iilwimi zesiNtu xa besazi ukuba abazokufumana msebenzi ?

Asikwazi ukubethisa ngoyaba ukuba ukusilela kokuqeshwa kwabantu abafunde iilwimi zesiNtu kusokolisa inkqubela, yaye kulibazisa eyona njongo ingundoqo yomgaqo-nkqubo welwimi wesizwe.

Ukujongelwa phantsi kweelwimi zesiNtu ngabantu abazithethayo nabazalelwe kuzo kusezohlala kungumqobo ukuba abaphetheyo abatshintshi indlela abenza ngayo izinto.

Ukuba amathuba emisebenzi asaqhubeka nokunqongophala, kwaye abantu abafunde iilwimi zesiNtu basavalelwa ngaphandle, ilwimi zesiNtu zizakuhlala zithwaxwa ziingxaki.