Ncedisa igqiyazana laseGcuwa kugqatso lukaMiss Eagle SA

UYonela Miza (22) uzicelela ivoti kukhuphiswano lukaMiss Eagle South Africa 2018

“Ukusoloko ndizibandakanya kwiintshukumo zophuhliso ingakumbi kubantwana abangathathi ntweni kuquka nabangenabo abazali, yinto ekwakukudala ndinqwenela ukuzimanya nayo phambi kokucinga ngokuba ngunobuhle.”

Oku kudizwe yintwazana yelokishi yaseBika eGcuwa uYonela Miza (22) ongenele ukhuphiswano lukaMiss Eagle South Africa 2018.

UMiza uthi kolu khuphiswano sele ekwisigaba sesibini ngoku nesisisigaba sokuhamba betyelela amakhaya agcina abantwana abangathathi ntweni, nto leyo ayithakazelelayo.

UMiza uthi baza kuya kwisigaba sesithathu de bafike kweso sokungenela buqu kuMiss Eagle SA 2018.

Uthi ukungenela kwakhe kolu khuphiswano kumfundisa ngezinto ezingundoqo ebomini.

“Siphila kwixesha elinemicelimngeni kakhulu thina bantu batsha. Yilo nto kufuneka uhluzile engqondweni, uzazi ukuba ufuna ntoni ebomini. Ndaye ndahlakanipha ndazibandakanya nePhumlani Foundation yalapha eGcuwa ngeenjongo zokuzifuna ukuba esona kanye siphiwo sam siyintoni apha ebomini.

“Kulapho ndiye ndabhaqa khona nokuba ndingakwazi ukuqaqambisa ikamva lam njengonobuhle,” utshilo uMiza.

UMiza uthi iPhumlani Foundation injongo yayo kukususa ulutsha kwizinto ezigwenxa, kwaye uthi ibagcina bexakekile behamba bekhuthaza abantwana abancinci.

IEagle South Africa liqonga lokuphuhlisa amagqiyazana aselula ukuba asebenzise ingqiqo ngobuhle bawo kwaye enze nomahluko eluntwini ngokuthi batshintshe iimpilo zabo bangathathintweni.

UMiza uthi uqale kunyaka ophelileyo ukungenela oonobuhle, engenela kuMiss Sasco eWSU kwikhampasi eseBika eGcuwa nakuMiss Butterworth Hawkers. Uthi ngokungenela, ufuna ukuba ngumzekelo kwilokishi yakhe iBika.

UMiza wenze amabanga wakhe aphezulu kwisikolo iPhakamani eBika. Eli gqiyazana lenza isidanga kwezemfundo eWSU eBika.

Ukuba unqwenela ukumncedisa athwale esi sithsaba sikaMiss Eagle SA 2018 ungamvotela ngokuthi uthumele umyalezo wefowuni (SMS) ethi “Yonela” ku 35334.