“Ndicelela abantwana baseDedeni imfundo ephucukileyo, Masualle!”

Ngentsimbi yesibhozo ngoLwesibini ekuqaleni kweveki ephelileyo, mna noogxa bam sithathe uhambo olude oluya kwisikolo samabanga aphantsi esibizwa ngokuba yiDedeni Senior Primary ephantsi kweLusikisiki – kodwa ekufutshane ePort St Johns.

Indlela eya khona besingayazi – kodwa besithembele ngomntu oyaziyo indawo nenqununu yesikolo, umama uNomahlubi Jokasi. Eyona nto ebibalulekile kuthi kukufika esikolweni. Sihambe, sahamba kuloo majiko-jiko sade salahleka. Sihambe sibuzisa kuba besifuna ukuqinisekisa indlela yethu eya kwesi sikolo.

Kuyo yonke lo nto, besiqhutywa bubuthandazwe, ukunika indlebe abantu basezilalini abasokolayo, nokukhangela icebo elinokuguqula imeko yabo; eyona njongo yokusungulwa kweli phephandaba.

Sigalelekile ngentsimbi yokuqala esiphambukeni esiya kule lali. Simiswe ngamagosa endlela abefuna ukuqinisekisa ukuba imoto inelungelo lokuhamba endleleni.

Emva kwemizuzu embalwa, siye saqhwitha sisondela kule lali inesikolo esinengxaki. Ekuhleni kwethu ngendlela kuye kwabonakala ukuba singabahambi, ndiyiphawule kwindlela ebesijongwe ngayo ngabantu belali ebesigqithe kubo. Emva kweeyure ezintlanu sihamba, sifikile eDedeni Senior Primary. Iphumile inqununu yesikolo yakubona ukuba iindwendwe zayo zifikile.

Uthe esathetha njalo nogxa wam, labe iliso lam selikumagumbi wokufundela axwebileyo. Ndisondele efesitileni yegumbi ebelizele ngabantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi. Molweni….bantwana! Nditshilo ndincumile. Eweee!!!.batsho ngolukhulu udlamko, batsho besima ngenyawo. Ndothuka,o ngoba imbeko engakaya ndayigqibela kudala kwintlalo yanamhlanje.

Khange ndilufihle uncumo lwam kubo. Kwangoko ndiphawule udlamko ebantwaneni phantse kubo bonke. Lo nto ibonise ithemba abanalo noxa betsala nzima nje. Ilali intle, inomhlaba omhle, futhi kuluhlaza yaka nasezigadini zaloo mizi igqagqeneyo.

Kuthe kwakuthethwa ngeemvula ndazibuza umbuzo: Ingaba bafundela njani abantwana kwezi zindlu zinje? Mandiye ngqo kweyona nto I’solezwe lesiXhosa beliyokuyenza. Umfundi weli phephandaba uphalaze intlungu yabantwana abafundela emabobosini. Yeyona nto ebangele sihambe umgama omde.

Bekungekho mfuneko yokuxelelwa imeko abafundi neetitshala abahlala phantsi kwayo – yonke into ibicacile. Izindlu abafundela kuzo abantwana zifana nendawo ekuhlala kuzo izilwanyana ngenxa yokuswela uncedo olusuka kurhuluemente. Inani labantwana besi sikolo bebonke ngamakhulu amabini anamashumi amabini anesithandathu (226).

Zona iititshala zilithoba. Ootitshala bafundisela kwezo zindlu zenziwe ngezinti ezingavalwanga kakuhle ngodaka. Zonke izindlu, kuquka nale kuhlala kuyo iititshala, ingawa nanini na xa kufike iimvula ezinamandla. Izindlu azinamacango, azityatyekwanga kakuhle, azinazo iifesitile, akukho macango nocingo olubiyeleyo.

Imeko yesi sikolo ilusizi. Njengokuba kusondela ubusika abantwana bazakuhlaselwa ngumkhuhlane ngaphandle kwamathandabuzo. Amagumbi yindawo ehlala iibhokhwe maxa wambi ngenxa yokungabikho kweyadi. Amagumbi esiwabonileyo ayizondawo zokufundela; akukho mfundo esemgangathweni enofumaneka kwisikolo esinjeya. Imeko yesikolo imtyhafisa umntu esekude – kubekela phi kutitshala ohlala kuso unyaka wonke?

Ngokomgaqo-siseko woMzantsi Afrika, wonke umntu unelungelo lokufumana imfundo nomsebenzi. Loo malungelo awekho kuleya imeko. Noko isebe leMfundo elikhokelwa nguMnu. Mandla Makupula makubekho into eliyenzayo; esiya isikolo sifuna ukwakhiwa ngokukhawuleza ngoba ukuba akwenziwa njalo kungafa umntu zizifo okanye awelwe yindlu.

Akufuneki ngxoxo ngoba kudala kusiyiwa ngabantu futhi kusenziwa izithembiso. Andiyikholelwa ngamanye amaxesha ukuba nyhani iinkokeli zethu zingaphumla kusekho abantwana abafundela kwimeko enjeya emva kwamashumi amabini onke safumana inkululeko. Imthoba isidima umntu omnyama, imenza abengathi ingqondo yakhe iphungulekile.

Njengabantu abazalelwe kweli lizwe, abantwana nootitshala kwesa sikolo bafanelwe yindawo ebhetele kunaleya into. Ayondawo ifanele ukuhlala umntu esiya isikolo ngoba siyingozi ebantwini – singawa nanini. Ndiyayicela inkulumbuso yeli phondo,uMnu Phumulo Masualle, nomphathiswa wezemfundo, bayokufika phaya emva koko benze into.

Umphathiswa wemfundo kuzwelonke, * -Angie Motshekga, wathi ziza kwakhiwa zonke izikolo zodaka ngo’2014. Ayenzekanga lo nto, ngaphezulu koko iMpuma Koloni ijikisa imali engasetyenziswanga unyaka nonyaka. Yenziwa njani lo nto kukho isikolo esinje ngeDedeni? (ubungqina bubhentsiswa yimifanekiso).

Ndiyacela nivakalelwe ziinkokeli zakowethu. Ngabantwana benu aba basokola olu hlobo. Ndiqinisekile anifuni babalise ihambo-nzima yabo abayifumana phantsi kolawulo lwenu zinkokeli ezimnyama ezithetha ngempilo engcono kumntu wonke.

Le nkululeko mayincede wonke umntu kweli lizwe ngakumbi ozalelwe ezilalini. Urhulumente unemigaqo-nkqubo emihle – kodwa isicwangciso eDedeni, kufuneka kwenziwe qha. Akusafuneki zithembiso ngoba lo nto iyakubulala nentlantsi yethemba esebantwaneni besa sikolo. Kubi kakhulu eDedeni Primary.

Amazwi athi imfundo sisitshixo sobom soze atshintshe kwaye ayakuhlala eyinyaniso. “Ndicelela abantwana baseDedeni Senior Primary imfundo ephucukileyo kuwe tat’ uMasualle.”

Abantu baphaya nenqununu babanethemba xa kusithi gqi imoto abangayaziyo ngoba kudala bethenjiswa – kodwa kungade kwenzeke nto. Abantu bala ndawo bayafuna abantwana babo bafunde – kodwa ngenxa yezithembiso zikaRhulumente abasavani ngoku nangeengqondo kuba besithi balahlwa bona. Kuyo yonke into eyenzekayo akufuneki abantu bade baphelelwe lithemba. Imeko yaphaya ayinabo konke konke ubom.

Ezona zinto zifunekayo kwesa sikolo nazi:

– Amagumbi okufundela asemgangathweni ekunokuhlala kuwo umntu ophilileyo.

– Izindlu zangasese zabantwana besikolo nootitshala.

– Amatanki wamanzi.

– Iidesika, izitulo, iitafile, iikhabathi zokufaka iincwadi zikamabhalane neetitshala kwesa sikolo.

– Ukubiyelwa kwesikolo

– Indlela eya esikolweni.

Zonke ezi zinto zikhankanywe ngasentla zingenzeka kuwe Gcwanini ngoba unawo amandla wokuyalela ukwenziwa kwezinto zonke ezifuna ukwenziwa. Ootitshala abasebenza kwesa sikolo bomelele – kodwa bayafuna ukuhlangatyezwa bangade baqhawukelwe lithemba. Kunyanzelekile indawo ehlala abantu abaninzi kubekho izindlu zangasese namanzi acocekileyo ukuze bangangenwa zizifo.

Zininzi izinto ezifuna ukwenziwa kweli phondo – kodwa abanokwazi ukulinda kwesiya isikolo ngoba ingehla nanini ingozi. Urhulumente ngamnye unoxanduva lokwenza ubom babantu bube lula. Ukuba bebekwazi abantu bala lali ukuzakhela amagumbi wokufundela ngekudala bayenza lo nto xa ndisiva iintetha zabo – kodwa ngoba abanawo amandla – kufuneka ungenelelo lukarhulumente uqobo.

Indawo ebisematheni kunyaka ophelileyo apha eMpuma Koloni ibiyiNgangolwandle, eXhorha, kodwa ndingatsho ukuba ingcono kunale into endiyibone ePort St Johns.