‘Ndidiniwe nguwe’

UBulelwa Ndudula enkundleni yamatyala eMonti apho ebexoxa kwisicelo sebheyile emva kwezithyolo zokubulala umyeni wakhe uSakhekile Ndudula

“NDIDINIWE nguwe, ndiza kwenza nantoni ngoku kuba kudala ndikruqukile.”

La ngamazwi kaBulelwa Veronica Ndudula (44) efungela indoda yakhe uSakhekile Ndudula. USakhekile ubhubhe kwikhaya lakhe eCambridge West eMonti emva kokudutyulwa izihlandlo ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ephelileyo.

Inkosikazi yakhe ivele kwinkundla kamantyi waseMonti emva kokuba amapolisa eyibambe ngezityholo zokubulala uSakhekile obesebenza njengengqonyela yabasebenzi (Chief of Staff) kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni.

Inkundla yaseMonti ibiphuphuma abantu beyokuzivela elityala. Umcuphi wetyala uKapteni Silulami Patrick Somkence uxelele inkundla ukuba uBulelwa ebesicwangcisile isigqibo sokubulala uSakhekile.

Lo mcuphi uthi phambi kwesi sehlo, esisibini besikhe saxabana ngenxa yokuba umyeni ebekhe akalala ekhayeni.

Exelela umantyi ngokwenzeka ngomhla wesehlo, lo mcuphi uthe: “Safumana umnxeba othi umfi uyadutyulwa. Amapolisa aleqa, afika sele umfi ethathwe ngemoto wasiwa esibhedlele eSt Dominics eMonti apho wachazwa ukuba sele ebhubhile phambi kokuba afike.

“Emva kokuba sive ukuba umfi ubhubhile, amapolisa aye adlana indlebe nenkosikazi kamfi. Inkosikazi yasixelela ukuba umfi udutyulelwe egaraji. Emva kokuva oku amapolisa aye aleqa kwindawo yexhwayelo. Ekujojeni, safumanisa ukuba kukho amakhoba eembumbulu kwindlu encinane yolusapho hayi egaraji, futhi sabona kukho imbumbulu engekasebenzi.

“Xa sibuza ngale nto, inkosikazi yatshintsha yathi udutyulelwe endlini. Kuphando lwethu sifumanise ukuba inkosikazi le ilosule igazi phantsi nasedongeni. Siye sathatha isilamba senkosikazi, sasisa kuvavanyo nalapho sifumanise ukuba sineempawu zomntu obedubula ngompu,” utshilo lo mcuphi.

Lo mcuphi ukwaxelele inkundla ukuba uBulelwa ebekhe wagrogrisa umntu ngompu kwinyanga yeKhala kulo nyaka. Kukwavele enkundleni ukuba uBulelwa sele esuka kubanjelwa ukubetha umntu eTsomo ngo1996 kodwa ityala elo laye laphinda lachithwa.

Inkundla ikwave ukuba uBulelwa noSakhekile bebeneengxabano kumtshato wabo. “Iingxabano zabo zide zanyanzelisa uSakhekile ayokunikisa ngompu wakhe osemthethweni emapoliseni ngenyanga yeKhala kulo nyaka, emva kwezikhalazo ebezisuka kwinkosikazi zokuba umfi ufuna ukumdubula. Umfi ebefuna ukuzihlamba igama ngethuba enikeza ngompu wakhe,” utsho umcuphi.

Umcuphi ukwaxelele inkundla ukuba ngethuba inkosikazi le ibikhalaza isithi umfi ufuna ukuyidubula, ibizama iinzame zokuba uthathwe umpu kamfi ze kamva ifumane ithuba lokumhlasela engenayo into yokuzikhusela.

Umninawa kamfi uXolisa Ndudula uthi ibothusile into eyenziwe nguBulelwa. “Umthetho mawudlale indima yawo,” utshilo uXolisa.

I’solezwe likwave ukuba uBulelwa noSakhekile bebekhe bawuqhawula umtshato, kodwa baphinda babuyelana emva kokuba kusweleke umntwana wabo oneminyaka emithandathu. Lo mntwana kuthiwa warhaxwa ngethuba ekugcino lukaBulelwa.

Ngembalelwano efundwe ligqwethwa lakhe uSimphiwe Mbabane, uBulelwa uxelele inkundla ukuba ucela ukukhululwa ngebheyile kuba unoloyiko lokuba angaphulukana nomsebenzi wakhe wokuba ngutitshalakazi kwisikolo iRH Godlo Primary eMdantsane.

UBulelwa ukwathe unexhala lokuba ngubani ozakujongana nabantwana bakhe nomfi ababini abafunda kwiiyunivesithi, omnye useNMMU ngelixa omnye eseUCT. Ukwathe nomzi wakhe nomfi eCambridge West awunamntu wokuwujonga.

Kodwa umcuphi uxelele inkundla ukuba ufumene ingxelo kumangqina eli tyala athi ayamoyika uBulelwa. “Amangqina ebendibuza ukuba ingaba sele ndiwufumene na umpu obusetyenziswa ngummangalelwa. Ndibaxelele ukuba andikawufumani,” utshilo umcuphi.

Isicelo sebheyile siza kuqhuba namhlanje (ngoLwesine).