‘NDILALWA NGUTATA WAM’

Lo ngumbuzo wentwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu yaseGobe kuCentane, emva kokudideka ngenxa yomkhwa katata wayo ovele wayilala kwindawo abebehlala kuyo eMsobomvu eGcuwa.

Kukholeleka ukuba lo tata uwenze amatyeli aliqela lo mkhwa, kuba ebehlala nalo mntwana wakhe eGcuwa, apho ebesebenza khona, nanjengoko engatshatanga nomama wexhoba.

Ixhoba liliwele kwaye bebehlala bobathathu endlwini kodwa iwele lalo, eliyinkwenkwe, lithi belingayazi eyona nto yenzeka phakathi kosisi notata wakhe kuba lona, lingumntu othandwa bubuthongo.

Utata wabantwana kuthwa ebewathanda amawele akhe, ingakumbi elo liyintombi kuba ibide ibelilo alala nalo ebhedini, eli liyinkwenkwe belilala phantsi yonke imihla.

Iintsapho zexhoba zithi le ntwazana, efunda kwisikolo samabanga aphantsi iVulindlela eMsobomvu, ibingumntu omthanda kakhulu utata wayo. Ixhoba lithe lakuxelela oommelwane ngomkhwa wokulalwa nguyise, utata wathatha zonke iimpahla zakhe waduka nale ntwazana.

Baduke ngomhla wesithandathu kwinyanga yeNkanga kwaye akukho nomkhondo wokuba bandawoni na.

Umnxeba wexhoba uvaliwe logama okatata ukhala nje ungabanjwa.

Omnye woommelwane uthi wabizwa yile ntwazana, isithi ifuna ukumxelela into ethile.

“Ndathi xa ndifika kuye wabe ekhala, ndamxelela ukuba makathethe xa egqibile ukukhala. Waphendula ngelithi ufuna ukuthetha ngala mzuzu, wabe sele endibuza ukuba ‘ingaba utata wakho xa ekulala uyakuthanda?’

“Ndothuka ngulo mbuzo, ndabuza ukuba ngubani lo ulalwa ngutata wakhe, ukuphendula wathi nguye,” utshilo ummelwane.

Lo mmelwane uthi bacebise le ntwazana ukuba iye emapoliseni okanye koonontlalontle.

“Uye wasixelela ukuba akafuni abanjwe utata wakhe ngoko ke akazukuya emapoliseni okanye koonontlalontle,” utshilo ummelwane.

I’solezwe lityelele usapho lwexhoba kuCentane nalapho ludize ukuba alusenanto lifuna ukuyithetha nale ndoda, olukufunayo kukuba kubuyiswe umntwana wabo.

Umakhulu wexhoba uthi, esele ekunqwenela kukuba bazi nje ukuba ingaba umntwana usaphila na kwaye nokuba umbulele sele befuna umzimba lowo ukuze baxole.

“Sifuna ukwazi ukuba ingaba umntwana yena usaphila na, inja yona le inguyise iyakuhlala iyinja. Asisenalo ixesha lento eyenzekileyo, sifuna oku komntwana, asizombuza nto,” kutsho umakhulu wexhoba.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, uthi okwangoku ebengekabinalo ulwazi ngeli tyala, watsho ecela inombolo kusapho ngeenjongo zokulandelela ityala.

UNosipho, nongumama wexhoba, uthi asele ekufuna kukuba la ndoda ibuyise umntwana. Ubongoze uluntu olunoba nolwazi malunga nomntwana ukuba lutsalele umama kwinombolo yomnxeba engu:083 444 1633.

UNosipho uthi amapolisa aseMchubakazi athe avula ityala lokulahleka komntu.