Ndincoma ndikhala kubadlali baseJamani!

Into eyenzeke kumabala ebhola ekhatywayo eqela iHoffenheim kwelaseJamani yothuse abaninzi kwihlabathi jikelele.

Umdlalo ubumhle kakhulu, onke amakhwenkwe adlala kumaqela elizwe laseJamani ebonakalisa ukuzimisela kakhulu.

Iqela iHoffenheim belidlala noomakad’enetha beqela elihlala liziintshatsheli kwelo zwe, nelibizwa ngeBayern Munich.

Ayothusanga kwaphela ke into yokuba amakhwenkwe aseMunich kusaqalwa nje afake uthotho lwamanqaku ngokulandelelana ezipalini kwelo qela leHoffenheim.

Kuye kwacaca zisuka ukuba kudibene ingwe nomvundla, ngokweZibhalo bekuya kuthiwa kudibene uDavide noGoliyathi.

Kaloku eli qela leBayern Munich lelona litshotshela entla kwibhola ekhatywayo yabo bakudidi oluphezulu kwelo laseJamani, ukuze lo mvundlana weqela leHoffenheim, ube liqela elisanda kunyuselwa lisuka kulawo asezantsi.

Kuthe kanye xa iqela leBayern Munich lisanda kufaka inqaku lesithandathu, kungekho mpendulo kwelo lingekabi namava leHoffenheim, inkala yaxing’etyeni. Abadlali bamaqela omabini bebesele kukudala bengaphathekanga kakuhle ngumba wababukeli, ingakumbi abalandeli beendwendwe zeBayern Munich abebephephezelisa amalaphu abhalwe izithuko ngeli lixa umdlalo uqhuba.

Ngabanye ngabanye, abadlali beqela elikhulu iBayern Munich, bebemane besiya kubalandeli babo, babacele ukuba bawasuse okanye bawafihle amalaphu abhalwe izithuko ebezibhekiswa kumphathi weqela leHoffenheim nogama linguDietmar Hopp.

Omnye wale mibhalo ude wabiza lo kaHopp njengonyana wenjakazi. Isizekabani soku kukuba lo kaHopp, uye wasebenzisa ubungxowankulu ukuze eli qela leHoffenheim litsibe amanqanaba amaninzi ukuze liye kufikelela ngokukhawuleza kweli nqanaba lebhola ekhatywayo liphezulu kwelo laseJamani.

Yeyona nto ke ingathandwanga ngabalandeli. Kungoko bephele besenza olo qhankqalazo. Abadlali beBayern Munich bathe bakubona ukuba izicengo zabo aziviwa ngabalandeli babo, bagqiba bekunye nabaphathi kunye nabadlali beqela leHoffenheim, ukuba bakhe baphume kancinci emabaleni baye kuhlala kumagumbi okutshintshela.

Ngeli lixa behleli kuloo magumbi, amagosa okhuselo neziphathamandla zebhola ekhatywayo kwelo laseJamani, bazamile ukuhlisa imisindo kubalandeli, bebacenga ukuba bathobe loo mibhalo.

Izicengo zabo kwanokudomboza kwabo kube lilize, kuba abalandeli baqhubekekile noqhankqalazo lwabo, izithuko zabo kwanokungalawuleki. Kungekudala abadlali babuyele emdlalweni obusele uqhube amashumi asixhenxe anesixhenxe emizuzu.

Nangoku sele bebuyele, bathathe isigqibo sokuba baqhubekeke nokuyilwa into embi eyenziwa ngabalandeli, le yokuza neemeko zangaphandle zolawulo lwamaqela ebhola ekhatywayo, zize kuliwa ngexesha lomdlalo ngezithuko.

Abadlali basuke bema ndawonye, endaweni yokuqhubekeka nomdlalo basuka bamane ukukhabelana nje ngebhola, kwade kwafika ixesha lokuphela komdlalo.

Besenza konke nje oku, abadlali bayaqhubekeka becenga abalandeli nangona bengasiwa so ngabo balandeli.

Ndiyayincoma kakhulu ke into yokuba abadlali bayilwe ngomanyano into yokonyeliswa komdlalo webhola ekhatywayo ngabalandeli abenza izinto ezingamkelekanga nezinyhasha amalungelo abanye abantu.

Intle into eyenziwe ngala maqela, ekubeni axolele ukuba umdlalo uyekwe phakathi, ungaqhubekeki kuba engayikhuthazi indlela yokuqhankqalaza kwabalandeli, ndlela leyo ibinezithuko phakathi, zithuko ezo bezijoliswe kulowo bangakholwanga nguye abalandeli.

Kweli lixa ke lo ebethukwa ngabalandeli ibingulo mphathi weqela iHoffenheim, uDietmar Hopp, nomfo okwaluhlanga olunye nabadlali abaninzi kula maqela omabini.

Isikhalo sam ke ngoku mawethu sikumba wokuba nangona intle le ntshukumo yaba badlali, kum ikhangeleka inomkhethe.

Kulo nyaka uphelileyo kula nyanga kaTshazimpuzi, ndiye ndabhala inqaku elithetha ngokunukunezwa kwabadlali abantsundu eYurophu ngokobuhlanga. Kwelo nqaku ndaye ndakhankanya abadlali ababini abachaphazeleka kanobom yile meko, uRaheem Sterling noMoise Bioty Kean.

Mhla abalandeli babesenza izandi zeemfene nezeenkawu kwaba badlali, kuquka nakubanye abadlali abantsundu, umnqweno wam yayikukuba eso sigezo sabalandeli sipheliswe ngentshukumo efanayo nale siyibone kule mpelaveki.

Inokuba ke kumanye amazwe namazwekazi, ukuhlukunyezwa komntu nomntwana ontsundu ngokobuhlanga akubalulekanga ngaphezu kokuthukwa komntu wasemzini!

Kungoko ndisithi ndincoma ndikhala, andazi ke ukuba uvakalelwa njani na wena mlesi!