Ndinentantabuzo ngephulo lokulwa isifo uGawulayo

Kwek! Ide yadlula inyanga yolutsha namaphulo ayo neengqungquthela ezahlukeneyo ebezibanjwa mihla yonke; kuxoxwa ngemiceli-mngeni ejamelene nolutsha lweli. Mihla le kumaphephandaba, nakumajelo osasazo kanomathotholo nakumabonakude, zonke iinkqubo bezijolise kwimiba yolutsha.

Njengesiqhelo, bendingenawo nomncinane umdla kuyo nayiphina into ibithethisa ngolutsha; kuba ndisazi ukuba akukho nto intsha lo nyaka izakuza nayo, izakuba sesezolo. Kubekho ke nesi sibetho sokusoloko kuthelekiswa ulutsha lanamhlanje nolwangomnyaka ka1976.

Kule nyanga iphelileyo ndifikelele kwisigqibo sokuba mhlawumbi esinye sezizathu esindenza ndingabethelwa nangu doh ngokwenzeka ngenyanga yolutsha kukuba eneneni andiseyiyo le ntanga kujoliswe kuyo kule nyanga.

Nakuba ngokwasemthethweni iminyaka yam isandivumela ukuba ndixhamle njengomntu omtsha, kodwa mna ndikholelwa kwelokuba ulutsha mayibengabantu abaphakathi kweminyaka eyi-18 ukuyakuthso kweyi-28, hayi kweyi-35.

Ndibuyele kwinyanga yolutsha nemikhankaso yayo. Kuwo onke amaphulo endiwabone ekhutshwa ezindabeni, kukho eli linye beligundabamlonyeni oko umphathisa wezempilo kuzwelonke wabhengeza ngethuba esenza uhlahlo lwabiwo mali lesebe lakhe, ukuba bazakusungula iphulo elijolise ukuxhobisa amantombazana aphakathi kweminyaka eyi15 ukutsho kweyi- 24, nangawona asemngciphekweni omkhulu wokosuleleka sisifo sikaGawulayo. Umphathiswa wathi bakhethe inyanga yolutsha ukusungula eli phulo.

Zininzi iigcinga endiye ndanazo ukuva kwam le nto, kodwa ndiye ndathabatha isigqibo sokunganazi nto kuba kakade ayijoliswanga kule ntanga ndiyiyo yonke le nto. Kwakhona, bendingafuni kujongeka njengomntu ohleli nje ugxibha imizamo “emihle” yesebe lezempilo. Umbuzo ke ubusoloko usithi qatha kum ngowokuba eli phulo licetywayo lizakuza nantoni eyohlukileyo kuwo onke amaphulo esakhe sanawo ngaphambili, nawayejolise ekulweni kwale ntsindabadala inye?

Ukususela ngale mpela veki iphelileyo, ndikhe ndazinika ithuba lokuphengulula umnatha nalapho bendifunda zonke izibhalo ezipapashwe ngeli phulo. Ndiphengulule ndancama, kungekho nalinye inqaku elitsolisa ngendlela eli phulo lizakuphunyezwa ngayo.

Nditsho nentetho yohlahlo lwabiwo mali ka- mphathiswa khange ibenayo ingcaciso endanezayo, koko ukhankanye imiba emihlanu ekuzakuchankcathwa kuyo kule minyaka mithathu isikelwe eli phulo.

Le miba kuquka kuyo: ukwehliswa kwezinga eliphezulu lokusuleleka kwamantombazana aselula sisifo sikaGawulayo, nokwandiswa kwamathuba engqesho yala mantombazana, ukuzama ukulwa lo mkhuba mbi wokuthandana kwawo namadoda amadala, oo “sugar daddy” ukutsho.

Ewe, ndiyayiva yonke le nto, kodwa ndisafuna ukwazi ukuba konke oku kuzakwenziwa njani. Mhlawumbi ingxaki ndim wena; andinamonde. Mhlawumbi ethubeni izakude icace yonke le nto.

Uyabona ke, ndisengumfundi, omnye wabahlohli ababendifundisa ubuntatheli wayengafuni nokumbona umntu ogwegwelezayo xa ebhala, angade aze emxholweni. Xa sele enomsindo wawuva ngaye sesithi “sukundinika inkomo yonke, ndifuna ubisi qwaba jwi.”

Elona xhala lam kuyo yonke le nto kukuba asikokokuqala sinyhalwa ngamaphulo akumila kunje ngamaqumrhu anikezeka ngenkxaso mali, yaye onke loo maphulo aphanza ukuzisa inguqu kule minyaka idlulileyo. Ndithe ndakubona ukuba iPEPFAR, neliqumrhu elasekwa ngowayesakuba ngumongameli eMelika, uGeorge W. Bush, nayo ifake isixa kwezabhiliyoni zintathu, ndaziva ndibutyhafa ngakumbi.

Kaloku ikwayile PEPFAR ndini eyasizisela umkhankaso owawunendumasi ngeminyaka yoo2005, owawusaziwa njenge- ABC, neyayimele * Abstinence, Be Faithful, Condomise. Wakuvula unomathotholo, umabonakude, amaphephandaba, mzuzwana mzuzwana nje ugagana nemiyalezo yeli phulo. Nditsho naxa uhamba ngeenyawo okanye ngesithuthi sika wonke-wonke, ibhodi nganye odlula kuyo endleleni yayiqulathe le miyalezo. Azi izakuzala nkomoni kweli tyeli.