‘Ndiyathukwa, kuthiwa ndiligqwirha’

UNozipho Mzayifani obanga ngelithi uthukwa ngabamelwane bakhe. Ephambili kwendlu yakhe ayibhale ngokwakhe UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

“Ndiyabethwa, ndiyathukwa maxa wambi ndibizwa ngokuba ndiligqwirha.” La ngamazwi kaNozipho Mzayifani (65) welali yakuTyutyu eBhisho, otsalele umnxeba I’solezwe esithi ufuna ukuphalaza intlungu yakhe.

Ungena nje eyadini yakwaMzayifani, ngaphandle edongeni kunkone yimibhalo eshwabulayo ebhalwe leli xhegwazana apho athi ubhala izinto ezimehleleyo. Kule mibhalo kukho iinkcukacha zeziganeko nemihla yazo.

“Akukho mntu undithethelelayo ndajikelwa nangunyana wam ekuphela kwakhe, uncedisana noomakhelwane xa bendithuka. Ukuze ndibhale apha edongeni ndifuna ukuba abantu babone intlungu yam, kuba andinamthetheleli.

“Olu luhlobo endizilwela ngalo kuba namapolisa, ithemba lam kubo sele laphela kuba xa ndibabiza abasezi bathi ndiyadlalisa. Ngaphambili babekade besiza bendihoya,” kutsho uMzayifani.

Kule ntlalo yakhe athi imbi, utyhola ukuba iphenjelelwa ngabamelwane bakhe.

Eli xhegwazana lithi, intsukaphi yengxabano yalo iqale ngethuba bengavisisani ngemiba ethile nabamelwane bakhe. Uthi ukusukela ngonyaka ka2012 iyinto enye bemthuka, bembiza ngamagama besithi uyathakatha.

UMzayifani uthi ngenxa yoku, akasafuni ukuthenga kwiivenkile ezikule lali kuba kuthiwa usebenzisa amayeza. Uthi wamgxotha unyana wakhe kuba ekruquke kukutshaya kwakhe iziyobisi emzini wakhe.

Isihlobo sikaMzayifani uLindile Reme uthe: “Eneneni uhleli kabuhlungu kweli khaya uMzayifani. Akakhuselekanga kuthiwa uyathukwa, akakwazi kuhamba kwaye uhlala yedwa, nanini ingamehlela ingxaki.”

Omnye umakhelwane kaMzayifani, uthi lo mama uqale ukuba neengxaki emva kokuba wanqunyulwa umlenze kulandela isigulo seswekile.

Kwiinzame zethu zokufumana icala lomnikazi wesikroxo, ongumakhelwane otyholwa nguMzayifani, zitsho phantsi nanjengoko sifike engekho nonkosikazi wakhe.

“Akahlaliswanga kabuhlungu tu nguye ozenzayo ngokuqala abantu. Umama lo oko wathi wanqunyulwa imilenze yomibini esibhedlele ngenxa yesifo seswekile, zange aphinde abemhle ngokwasemoyeni. Siqaphela ukuba akazange ayamkele imeko yakhe yokungabi namilenze kuba ngumntu oqhele ukuzisebenzela,” utshilo omnye woomakhelwane bakhe ongavumanga kuchazwa ngegama.

Isithethi samapolisa ephondo uKapteni Siphokazi Mawisa, uthi amapolisa azakumncedisa umama ekubeni ayokufaka isithintelo senkundla ngakubamelwane bakhe abanesikroxo, nathi bamhlelise kabuhlungu.”