Ngumlahlekisi uS.E.K. Mqhayi?

Imbongi yakuQumbu ezinze eBhayi, uMzuvukile Manxiwa, igxeke igxibha imbongi yodumo kweli enguSamuel Edward Krune Mqhayi, isithi wathengisa ngesizwe ethethelela ubuKristu kwizibhalo zakhe.

Le mbongi neyaziwa ngegama lika ‘Siswenye’ ithi uMqhayi uyixhase kakhulu inkqubo yaseNtshona kwizibhalo zakhe. “Yena uwenzile umsebenzi omhle, kodwa uninzi lezibhalo zakhe zibalahlekisile abantu abamnyama, wayebaqhubela kwinkolo yobuKrestu! Nditsho ndithi ngumlahlekisi yena!” uthethe watsho uManxiwa.

“Incwadi yakhe ethi Inzuzo andinqweneli nokuba ifundwe ngabantwana bam kwanabantwana babantwana bam, kuba izele lulahlekiso olukhuthaza ukushiywa kwenkolo yesiNtu kulandelwa iinkolo zasemzini.”

Le ncwadi ithi Inzuzo ibhalwe ngokutsha nguNjingalwazi Jeff Opland noNjingalwazi uTshobisa Mtuze.

UMtuze uthethe wathi ngezi zigxeko zikaManxiwa, “ivakalisa uluvo lwayo le mbongi, kodwa uMqhayi akanatyala. Baninzi ababhali ababhale ngobuKrestu,” uthethe oko uMtuze.

Incwadi yodumo kaS.E.K. Mqhayi ethi Ityala Lamawele ayisindanga nayo kwizigxeko zale mbongi. UManxiwa wongeze ngelithi, “xa ufunda le ncwadi ufumanisa ukuba lo tata waguqula ibali likaEsawu noYakobi baseBhayibhileni walenza lathetha ngathi sinengxaki kumasiko ethu, asilobali elisuka kuye eliya uMqhayi!”

Ukanti omnye wababhali bolwimi lesiXhosa, uSonwabile Mfecane, uyamthethelela uMqhayi esithi naye wayekwalixhoba lengcinezelo. “Uninzi lencwadi zabo ngelaxesha bezixhomekeke ngamandla kwiinkampani zopapasho ukuba bafuna ithethe ntoni, naye zininzi iincwadi zakhe eziguqulwe umongo wazo,” uthethe oko uMfecane.

Incwadi kaRustum Siyongwana ethi Ubulumko Bezinja ingumzekelo weencwadi zababhali bakudala eyasokoliswa ngenxa yomongo wayo, “yahamba kwizandla zamapolisa, amagosa karhulumente nezabapapashi phambi kokuba ishicilelwe,” utsho uMfecane.

Ukanti umzukulwana kaMqhayi, uPamela Mqhayi, uvakalise amazwi akhe egameni lekhaya lakwaMqhayi ngalo mcimbi.

“Izimvo zakhe zezakhe [uManxiwa], kodwa umsebenzi kaS.E.K. uhlonitshwe lihlabathi lonke ngenxa yendlela nobuchule ebebhala ngabo,” uthethe watsho uPamela. Ukwathe umsebenzi katatomkhulu wakhe ukhulule abantu abaninzi ebukhobokeni ngobuKristu.

IYunivesithi iRhodes izakube inika ngokukodwa imbeko umsebenzi kaMqhayi ngentsimbi yesibini emini, ngoLwesihlanu umhla wama-28 kweyeKhala, kwisakhiwo esitsha seSchool of Literature & African Languages eRhini.