Ngurhulumente oqhunyiswa abafundi ngeGlu

I-glu yokuncamathisela amaphepha nesetyenziswa ngabantwana bezikolo zaseLady Free njengesiyobisi:

Baqhunywa yiglu abayinikwa liSebe lezeMfundo eBhisho abafundi kwizikolo zemfundo esisiseko kwisithili saseLady Frere. Emva kokutshaya le glu baqhunywe, abafundi bayaxabana, balwe, besebenzisa izixhobo abazinikwe zizikolo, kwaye ababamameli ootitshala.

Oku kudizwe ngumlawuli oyintloko obambeleyo kwesithili saseLady Frere kwezemfundo uChulekazi Bula.

“Kwezi zinto sizinikwa lisebe kukho iincwadi, iglu, izikere nezinye. Abafundi bayayitshaya le glu banxile, bahlabane nangezizikere bazinikelwe ukusebenza ngazo,” utshilo uBhula.

Konke oku kuvele ngethuba igqiza eliphuma eBhisho lityelele isithili saseLady Frere kwiphulo leSebe lezeMfundo, lokujikeleza iphondo leMpuma Koloni.

Ingxelo kaBhula ithi abafundi basebenzisa iglu ngokuthi bayifunxe, banxile baze balwe bengavumi kulawuleka kootishala.

“Injongo yokuba urhulumente asinike le glu kukuba isetyenziswe ukuncamathelisa iincwadi ezi zabo, bona bayisebenzisa kwenye into. Sifake isiphakamiso ke sicela ukuba kwenziwa inguqu koku,” uthethe watsho uBhula.

Esi sithili sihambe emva kumanani wabafundi abaphumelela ibanga leshumi kunyaka ka-2016 ngokufumana amashumi amane anesithandathu ekhulwini epesenti.

Obekhokele eli gqiza uMxolisi Dimaza uvakalise ukudana emva kokuxelelwa ngezizathu zokuhla komgangatho wemfundo kwesi sithili.

“Sifuna ezi ngxaki zibangela ukulibaziseka kwenkqubo yokufunda nokufundisa ukuze sincedise ukuzisombulula,” utsho uDimaza.

Eli gqiza lixelelwe ukuba ngabantwana abakwiwaka namakhulu amathathu abadinga inqwelo zokuya esikolweni eChris Hani, logama ingamashumi amathathu amawaka abantwana abadinga oluncedo eMpuma Koloni.

Ingxaki yootishala abashiya izikolo bekhetha ukuya kufundisa kwizikolo ezikufutshane edolophini yenye yengxaki eziphambili eMpuma Koloni.

“Zilali ezi sikuzo abatishala bancinci bakhetha izikolo ezikufutshane nedolophu, awukwazi kuqhuba inkqubo yokufunda nokufundisa ngaphandle kootishala,” utsho uBula.

“Kumele ukuba kwenzeke inguqu ecacayo kwezi zinto zimbini, indlela abathuthwa ngayo abantwana nendlela abanikwa ngayo incwadi ezikolwni,” ucacise watsho uDimaza.

Isithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uthi iglu isuka kuzwelonke.

“Ngurhulumente kazwelonke okhupha le glu nezinye izinto ezinikwa abafundi asiyongxaki yalapha ephondweni,” uthethe oko uMtima.

Uthi abazali banoxanduva lokuncedisa isebe ukulwa ingxaki yeziyobisi ezikolweni.

Eli gqiza liqale ngomhla weshumi elinanye ukujikeleza lizakugqibelisa ngomso umhla wamashumi amabini kule nyanga.

siyabulela.mqikela@inl.co.za