Nqevu: ‘Igqirha alaziwa kowalo’

Ingcaphephe kwimiba yesiNtu uLoyiso Nqevu uwongwe ngesidanga sembeko UMFANEKISO: Facebook

Ingcaphephe kwimiba yezesiNtu uLoyiso Nqevu uthi ukowongwa kwakhe ngesidanga sembeko liziko eliKwaZulu Natal, kungqina intetho ethi “igqirha alaziwa kowalo”.

UNqevu (55) ebencokolela iphephandaba I’solezwe lesiXhosa emva kokuwongwa ngesidanga sembeko liziko i-Interdenominational School of Theology and Projects eliseEscourt kwiphondo laKwaZulu Natal.

Isidanga sembeko sale ngcaphephe yiHonorary Doctorate: Arts and Culture Education Management kwaneHonorary Doctorate: African Religion and Medicine.

UNqevu uthi kumothusile ukuwongwa kwakhe leli ziko, kangangokuba ebengakholelwa.

“Ngumothuko, nokungalindel’ into. Ndizifanisa nale nja kuthiwa libhaku xa kuzingelwayo. Xa kuzingelwayo kukho amatwina, kukho amangesi, kukho iingqeqe, kukho amabhaku. Ibhaku lelona libalulekileyo xa kuzingelwayo kuba liyakwazi ukujoja inyamakazi.

“Bendingayikholelwa, kangangokuba bendicinga ukuba kungangena imbalelwano ethi kuphazanyiwe. Andilwi nalo eli wonga qha lindothusile, kuba bendingalilindelanga tu,” kutsho uNqevu.

UNqevu usebenze njengotitshala iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe kuquka nokuba yinqununu iminyaka elishumi elinesine. Uhlohle isiXhosa, isiNgesi, ezeMbali, ezoLimo nezobuGcisa neNkcubeko.

Uthi ukuchubela uluntu ngemiba yesiNtu yinto eyazivelelayo, kodwa esele ikhatshwa nayimimoya yeminyanya.

“Izivelele kodwa ikhuthazwa likhaya endizelelwe kulo nesizwe endizalelwe kuso. Ndikwenye yezi lali zamaQwathi eNgcobo, ilali ebomvu kakhulu apho kusadliwa ngendeb’ endala. Enye into kukuba ndiphuma kwikhaya lamaqhawe akwaziyo ukuyimela into ayithethayo, ingakumbi izinto zasekuhlaleni. Asingobantu abahambe besoyama oku kwebhayisekile.

“Ngaphandle koko, ndilandele ilizwi elifike kum ngo2007, kwafika iimfihlelo zomoya zathetha kum ezindlebeni. Kufike ilizwi kum elindinika indlela emandihambe ngayo, futhi ndingayixubi nanto loo hambo. Ezinye zeengcaciso endiza nazo, ayizozinto endikhe ndazibona, zinqabe nakumagqirha,” utshilo uNqevu.

Ethetha ngokuwongwa kwakhe liziko eliKwaZulu Natal, uNqevu uthe: “Kufike kum into ethi kanti aba bantu kukho into abayibonayo kumntu ongajongelwa nto. Ndiphinde ndayiphendula lo nto ngelithi kakade kakade igqirha alaziwa kowalo.”

UNqevu uthi uqhakamshelene neli ziko kuba efuna ulwazi ngezifundo anokuzithatha ukuphuhlisa ulwazi analo kwimiba yemveli, suka umphathi walo wathi leli ziko ebelifanele ukuba liwonga le ngcaphephe. Uthi unaso isiqinisekiso awasinikwa lisebe lezobuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni kulwazi lwezinto zemveli, kodwa ebefuna nangakumbi.

“Umntu lo unento ekudala imkhathaza, eyokungamkeleki kwethu ngenxa yokuphatha kwethu izinto zemvelo. Uthi ungena apha ujongwe ngeliso laseNtshona elithi ungowaphi, uphuma kweyiphi iyunivesithi.”

Lo kaNqevu uthi ukuxabisa amasiko nezithethe zakwaNtu ngundoqo kwimpilo yomntu ontsundu.

“Kwiintolongo kugcwele abantu abathe ngenxa yokunganaki amasiko akowabo, bazibone sele bephaya. Hayi wonke umntu osentolongweni uphaya ngenxa yesenzo asenzileyo, koko unobangela kukungaselwa’ so kwamasiko nezithethe lelo khaya lakhe.”