Oka-2017 uza nomsinga onamandla

Nokuba usebenzisa esinjani isixhobo sokulinganisa, unyaka omtsha ka-2017 ukhangeleka usiphathele umsinga onamandla kwezopolitiko nezoqoqosho ngenxa yezigqibo ekungenzeka zithathwe yikhabhinethi, iPalamente, iinkundla zomthetho, kunye nezigqeba ezichophele amalungiselelo eenkomfa zamaqela ngamaqela ezopolitiko. Umandlalo mfutshane, akukho ukunaba.

Okokuqala, kuyathandabuzeka ukuba urhulumente uza kuthetha ngazwi linye akhokele iphulo elingaphucula ezoqoqosho lokulwa nentlupheko ludale namathuba emisebenzi. Iingxelo zeStatistics South Africa zango-2016 neminye iminyaka zisakhombisa ukuqhwalela kwezoqoqosho iminyaka ilandelelana kodwa urhulumente usayekelele umxakatho.

Endaweni yokuza nesisombululo, kukhangeleka ngathi urhulumente uya usiya ngokuba sisizekabani sale ngxaki njengoko iingxelo zikaMphicothi-zincwadi Jikelele zango-2016 zibonisa ukwanda kwamasebe karhulumente angasebenzisi kakuhle izimali. Akuphelelanga apho, zibonisa nokuxhoma kwezibalo zemali ezirhwaphilizwayo neziyinkcitho.

Oku kuchaphazela namashishini karhulumente afana neSAA, Transnet, Eskom nekufanele abe ngumqolo kwiinzame zokudala amathuba emisebenzi. Endaweni yoko, agutyungelwe ziingxaki zolawulo nezikhokelela ekubeni asoloko ecela ukukhongozwa kwimali yerhafu.

Oku kungasebenzi kakuhle kusengagalela amanzi kwiinzame zokutsala umdla wabatyalizimali nekufuneka bebinze ngamandla ngo-2017 ukuze uqoqosho lungadodobali ngohlobo olucekethileyo.

Okwesibini, iziphumo zolwenyulo esisuka kulo noluqandusele inani elivisayo loomasipala abalawulwa ngokubambisana phakathi kwamaqela ezopolitiko ziza kuvavanywa ngo-2017 xa kulindeleke aba masipala baphumeze uhlalolwabiwo-mali okokuqala kulo nyaka. Xa kukho ukungaboni ngaso linye phakathi kwamaqela ezopolitiko malunga nezinto ezingundoqo emayisetyenziswe kuzo imali, kusengalibaziseka ukuthathwa kwezigqibo nokuziswa kweenkonzo eluntwini.

Oku kunganyanzelisa ukuba kuphinde kuvotwe kwaba masipala kungekudala, nto leyo eza kwenza ukuba iinkokheli zihlale zicondobile kuba izivumelwano ekusekelezelwe kuzo ulawulo lomasipala abathile zichaphazela oomasipala bezinye iindawo jikelele.

Okwesithathu, ukubulawa kweenkokeli zopolitiko, ingakumbi ooceba abakwiphondo leKwaZulu-Natal, kunyuse ixhala lokuba le ntlonti inganwenwela nakwamanye amaphondo aquka iMpuma Koloni. Ixhala libangelwa kukungabanjwa kugwetywe abaphembeleli bale ntlonti nesele isube imiphefumlo yabantu abaliqela ekuquka ekaMbhekiseni “Pat” Khumalo wasoPhongolo, Ace Houston waseHarding, kunye neNkosi Mathonsi waseMandeni.

Okwesine, xa kungoku nje amehlo ajonge kumhla wesibhozo wenyanga ezayo nalapho amalungu ombutho we-ANC azakube ebuthelene e-Orlando Stadium kumsitho wokubhiyozela iminyaka elikhulu elinesihlanu wasekwayo. Umyalezo wonyaka womongameli we-ANC uJacob Zuma kulindeleke ukuba uhlabe ikhwelo ngokugxininisa kwimiba engundoqo ngenguqu emasizilindele enyakeni omtsha.

Le miba iquka ukomelezwa kwephulo lokumanya amalungu onxantathu we-ANC-COSATU-SACP; amalungiselelo enkomfa ezakwenyula iinkokheli ezintsha zalo mbutho nekungoku nje kukho abamemelela ukuba ibanjwe ngaphambi kwexesha ngenxa yemiba efuna ingqwalasela ekhawulezileyo yolawulo oluhexayo kunye nokuphulukana nenkxaso yabavoti kulonyulo loomasipala esisuka kulo; ukudodobala kwezoqoqosho, ukunqongophala kwemisebezi.

Okona zisiya zisondela iintsuku zokubanjwa kwale nkomfa, kokona kuye kusanda ukudumzela malunga namagama eenkokheli ekulindeleke zithabathe iintambo zolawulo. Njengoko ukuphakanyiswa kwamagama abagqatswa kungekavuleleki ngokusesikweni, ukudumzela kukwakhombisa ukuxananaza kweentanda nokubethabethana kwezimvo zamalungu.

Ukungabi nabuchule bokusingatha uhlobo lokuphakanyiswa kwala magama kusengachaphazela neenguqu ezicetywayo malunga nohlengahlengiso lwekhabhinethi olulindeleke phambi kokuba uMongameli Zuma avule ipalamente kweyoMdumbe.

Amarhe athe ndi aqikelela ukuba uhlengahlengiso lwekhabhinethi luza kujoliswa ekuboneleleni iinkokeli ezifana noNkosazana Dlamini nophelelwa lixesha kwisikhundla semanyano yamazwe aseAfrika (AU), nokwandisa inani labaphathiswa abaxhasa ngokungagungqiyo uMongameli Zuma endaweni yabo babonakala bengahambisani ncam nohlobo alawula ngalo.

Phakathi kwabangawelwa lizembe kubalwa abaphathiswa uDerrick Hanekom, uPravin Gordhan, uThulas Nxesi, noFaith Muthambi kunye nosekela-mpathiswa wezezimali uMcebisi Jonas. Kukwalindeleke ukuba uhlengahlengiso luchaphazele namalungu akoorhulumente bamaphondo njengoko iinkokeli ezifana noPhumulo Musualle waseMpuma Koloni kunye noDavid Makhura waseGauteng bengatshintshelwa kwezinye izikhundla ngelitshenta indlela yeenkokeli ezintsha zeANC kula maphondo.

Utshintsho lweenkokeli kwisikhundla ngasinye kuza kufuneka kusingathwe ngobuchule, kungenjalo kusengadaleka umonakalo ongalungisekiyo ngenxa yokungahambisani kwabathile kumalungu eANC nezi zigqibo. Lowo monakalo ungengeza kumaduma abangelwe kukuphulukana nenkxaso yabavoti nokukhokelele ekulahlekelweni lulawulo loomasipala abambaxa abawele ezandleni ze-DA; ekuquka kubo iNelson Mandela Bay, iRhawuti, kwakunye neTshwane.

Kwakhona, utshintsho lweenkokeli kuza kuchaphazela imiba efana neziphumo zeengxoxo esezisecicini phakathi kwe-ANC ne-AIC malunga nokubuyiselwa kwedolophu yaseMatatiele ekwiphondo leMpuma Koloni ibuyiselwe kwiphondo laKwaZulu-Natal njengoko kwakunjalo phambi ko-2005.

Ubuzaza balo mba bungachaphazela ulawulo lwe-ANC kwabanye oomasipala, kuquka waseEkurhuleni nowaseRustenburg noboyame ekubambiseni namaqela amancinci.

Ngoko ke unyaka ka-2017 usengaba ngunyaka apho abemi beli kufuneka bavakalise ilizwi labo elichasene nokhuphiswano ngezikhundla kwi-ANC olubangela ukungasiwa ‘so kwemiba yolawulo lwelizwe ngohlobo olwenza ngcono impilo yethu sonke.

*Umbhali ngumphandi nomhlatyi weenkqubo ozinze kwiYunivesithi yaseKapa