Oomongikazi bafuna iKhwarantini, isibhedlele siyala 

Oomongikazi bephondo bafuna ukhuseleko lwabo ngeli xesha lentsholongwane yeKhorona UMFANEKISO: Elugcinweni

Oomongikazi besibhedlele saseGcuwa bayalelwe ukuba mabasebenze noxa nje belinde iziphumo zovavanyo lwentsholongwane yeKhorona kulandela ukusondelelana nesigulana esineKhorona.

Esi sigulana singene kwesi sibhedlele ngoLwesithathu weveki ephelileyo, emva koko saqalisa ukukhohlela futhi kunzima nokuphefumla.

Emva kokuqatsela sibonakalisa iimpawu zentsholongwane yeKhorona, ugqirha wesibhedlele ugqibe kwelokuba masithunyelwe eMonti.

Imeko yesigulana iqhubile ukubambi, wabe sele esisiwa eFrere ngeCawe. EMonti ufike wavavanywa, zabuya iziphumo ngoMvulo wale veki zisithi esi sigulana sinentsholongwane yeKhorona.

“Ugqirha wethu ebengafuni kuyombeka kwiwadi yezigulana ezineKhorona esithi akafuni lo mntu athathwe njengoneKhorona, kodwa ngelo xesha isigulana besinazo zonke iimpawu zale ntsholongwane,” kutsho osebenza kwesi sibhedlele.

Oomongikazi bathi ayikhange ibaphathe kakuhle into yeziphumo zesi sigulana, ingakumbi oomanejala besibhedlele saseGcuwa ababanga ngelithi abakhange bayithathele ngqalelo impilo yabo bengabasebenzi.

“Khange isiphathe kakuhle lo nto, wabe lo gqirha wethu esithi masithobe izibilini. Simbuze ukuba thina basebenzi abebenyanga esi sigulana sivavanya nini, ukuphendula uthe kwakuvavanywa abantu abane,empawu zale ntsholongwane ngenxa yokuba ininzi imali echithwa xa kuvavanywa umntu ngamnye.

Oomongikazi bathi iwadi ebilele esi sigulana, phambi kokuba sisiwe kwindawo yabanentsholongwane yeKhorona, ayikavalwa futhi ayikacocwa.

“Esi sigulana besihoywa sithi ewadini kuquka nam obemnika iipilisi. Omnye ugxa wam uthi sikhe sahlanza. Mna ndiqaphele ukukhohlela kuye. Rhoqo xa ekhohlela ebekhala ngokuminxana kwesifuba. Zininzi ukufa izigulana ebesondelelene nazo,” kutsho umongikazi osebenza kwesi sibhedlele.

Isithethi sezeMpilo ephondweni, uSizwe Kupelo, uthi luxanduva lwesibhedlele ngasinye ukuqinisekisa ngokhuseleko lwabasebenzi nezigulana.

“Iziphathimandla zezibhedlele zifanele ukuba ziyayazi into yokuba xa kukho umntu ofunyanwe enentsholongwane yeKhorona, loo mntu ufanele ukuhlaliswa yedwa emva koko kukhangelwe abantu athe wasondelelana nabo ukuze bavavanywe.

“Amanani wentsholongwane yeKhorona ayenyuka endaweni yokwehla. Ngoko ke kubalulekile abezempilo bayazi imiqathango yokuzikhusela kuquka nokukhusela uluntu kwizifo,” utshilo uKupelo.

Oomongikazi bathi bathe bakubuza ngombandela wokuba ingaba baza kuqhubeka besebenza kusini emva kokusondelelana nesi sigulana, abafumana mpendulo ecacileyo.

“Sithe sabe kanti siyavavanywa sabona ukuba masibaxelele ukuba asizusebenza xa bengathathi iintshukumo. Bathi asinakuhlaliswa bucala. Into abayigadileyo kukuba isibhedlele sibe nabasebenzi,” kutsho umongikazi.

Ukuza kuthi ga ngoku, bangaphaya kwamashumi amabini oomongikazi besibhedlele saseGcuwa abathe bavavanywa kwaye bebesalinde iziphumo ngethuba sibhala eli nqaku.