Oosaziwayo kumyalezo weKrismesi

zintle mbusi

Iphephandaba I’solezwe likrwece oosaziwayo abaphuma eMpuma Koloni, ngelifuna uluvo lokuba lo nyaka ka-2016 ingaba ububaphethe njani?

Ukanti bakwanqwenelele nabalandeli babo iKrismesi emyoli kwakunye nonyaka omtsha oyokozela amathamsanqa.

Imvumi yeAfro-Pop uBulelwa “Zahara” Mkutukane uthi ubumhle kuye lo nyaka xa kuthelekiswa nale idlulileyo. Uthi eyona nto yenze kwakuhle kukuba uye wacheba iinwele (afro) zakhe, emva kokuthatha isigqibo ngenye intseni sokususa i-afro kuba efuna ukuqala ubom obutsha.

“Ndaye ndane nkolelo yokuba ukususa kwam iinwele kukhona okuhle okuzayo empilweni yam. Ngokwenene kuye kwanjalo. Bendikwafuna nokukhe ndiqalele kanti nditshintshe nendlela ebendikade ndiyiyo ngaphambili kuba ngoku ndiqalise nokujongana nomzimba wam,” utsho uZahara.

Unqwenelele uluntu lonke kwakunye nabalandeli bakhe iKrismesi emyoli nonyaka omtsha oyokozela amathamsanqa. Uthi eli lixesha apho wonke ubani kubalulekile ukuba alichithe nosapho lakhe. Nangona nje yena esithi uzakuxakeka de kubengumhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo. Ukhuthaze imvano phakathi kweentsapho esithi akukho nanye into eyogqitha ikhaya kuba kubunzima odibana nabo abona bantu baye bakuthuthuzele ikwalusapho lakho.

UZahara ukwavakalise imincili yakhe ngokuzimanya kwakhe ngeqhina lomtshato nomsasazi woMhlobo Wenene uAmaza Ntshanga kunyaka ozayo. Uthi ngoku sele ingamalungiselelo katsiki wakhe nozakuba kwinyanga yoMdumba.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi ubumhle kakhulu kuye unyaka ka2016. UManatha uthi zininzi izinto athe wazenza phakathi kwekhaya lakhe abengakhange akwazi kwiminyaka edlulieyo.

Uthi eyona nto asebenze nzima kuyo kukufundisa abantwana bakhe. “Kunzima ukufundisa abantwana kodwa ndiphunculuke kunjalo ndawagqiba amatyala,” utshilo uManatha.

Umyalezo wakhe kubantu beli phondo leMpuma Koloni kwanabo baseNtshona Koloni kukuba baqaphele ezindleleni. Uthi umgangatho wolwaphulo-mthetho unyuka kakhulu xa kusongwa unyaka.

UZintle “Babe Zee” Mbusi woMhlobo Wenene uthi, nakuye ubumhle unyaka ka-2016, kodwa waphinda wambi kuba uye walahlekelwa nangabantu ebebathanda. Uthi ubuhlobo ubakhile nabantu abaninzi nangona obunye buqhawukile kodwa uthi ngenxa yoMdali uye waphumelela kwaye wakhula.

Kumyalezo wakhe wokuphela konyaka ukhumbuza abalandeli bakhe ukuba inyanga yoMqungu isemnyango uluntu malonwabe kodwa babenomlinganiselo kwaye ulonwabo lomntu lungachaphazeli elomnye umntu.

“De sidibane kunyaka ozayo niziphathe kakuhle balandeli bam. Bazali nikhathalele abantwana benu,” utsho uBabe Zee. Uthi enye yezinto emonwabisileyo kukuphumelela imbasa kumawonga iMthatha Community Awards.

Imvumi yegospile uButho Vuthela uthi nakuye ubumhle kakhuku lo unyaka ingakumbi kwicala lomculo njengoko bathe baphumelela neembasa eziliqela. Nangona nje baye bawuvala ngenyembezi emva kokuba bethe bashiywa ngugxa wabo kumculo wokholo uS’fiso Ncwane.

Kumyalezo awushiyela uluntu ngeli xesha likaxakeka uButho uthe: “Ndiyazithoba ndidomboza kubantu bethu ndisithi mabayithobele imithetho yezendlela kwaye nabantu mabathobelane. Xa udiniwe phumla ukuze uzokwazi ukufika ukhuselekile.”

UButho ukwathe abantwana mabahlonele abazali ukuze izokwanda imihla yabo. Uthi uluntu zeluwelele kunyaka omtsha ngomthandazo.