#Qoboqobo: Asifuni mbumbulu, sifuna iimpendulo

Abahlali kwakunye nosihlalo weANC ephondweni uOscar Mabuyane kuQoboqobo

Abahlali bakuQoboqobo bathi ukudutyulwa konoteksi welali yaseGxulu uThembekile Fana ngenyanga yamalungelo oluntu, kubuyisa iinkumbulo zendlela awayeqhuba ngayo urhulumente wengcinezelo.

Kule veki, abahlali abaphuma kwiilali zakuQoboqobo bekunye noonoteksi babambe uqhankqalazo, befuna umasipala waseAmahlathi aqwalasele izikhalazo abathi kudala beziphakamisa, kodwa bengahoywa.

Ezi zikhalazo ziquka iindlela ezingekho semgangathweni kula dolophu, izibhedlele nezikolo.

Unobhala wombutho wabahlali iNtinga Ntaba kaNdoda Rural Movement kuQoboqobo uNtombolundi Zitha, uthi oyena mntu obathengisileyo ngumasitishi wesikhululo samapolisa akuQoboqobo.

“Nguye obize amapolisa aseMonti akuva ukuba siza kuvala indlela. Amapolisa afike asiqala singakhange simoshe nto ndiqinisekile ngaleyo. Sisukelwe singenzanga nto ngamapolisa. Xa kukho uqhankqalazo amapolisa ndikholelwa ukuba aye agcine ucwangco hayi abulale.

“Simbuzile umasitishi ukuba iMonti uyibizeleni na kuba ayizazi izikhalazo zethu,” utshilo uZitha.

Uthi eyona nto ibavisa kabuhlungu ngasemapoliseni kukuba uFana udutyulwe ngamapolisa embona ukuba uphakamise izandla ucela uxolo.

Uthi akhange enze nto kwaye ebengaxhobanga. Abahlali bakuQoboqobo akukho kokuqala bebamba uqhankqalazo, kunyaka ka2013 babekhala kwangeenkonzo ezingeziyo kubo.

Bathi akutshiwo ukuba bakhalela iinkonzo ezicothayo, bakhalela ukungabikho kwazona ezo. Bathi akuzange kubekho ntshukumo nangoko.

UZitha uthi babuzile ukuba benzeni ingamapolisa nje afanele ukuvulelwa ityala kuba ngawo abuleleyo.

Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku, uthi abantu abaye babanjwa kolu qhankqalazo bangamashumi amabini nabathe baphinda bakhululwa kwangoko ngesilumkiso.

Ityala labo limiselwe uphando nalapho kulindeleke ukuba babuyele kuLwesine weveki ezayo kwinkundla yamatyala.

NgoLwesibini, uSihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane kunyanzeleke ukuba ayokuthetha nabahlali bakuQoboqobo, apho aye wabathembisa ukuba ziza kuqwalaselwa izikhalazo zabo.

UMphathiswa wooRhulumente baseMakhaya kwakunye neeNkosi ephondweni uFikile Xasa, ngokwengxelo akakhange alinikwe ithuba ngabahlali lokuthetha, besithi makufike iANC iphendule izikhalo zabo. Kodwa kwithuba aye walifumana uye wadlulisa amazwi ovelwano kusapho nakwizihlobo zikaFana.