Ramaphosa: ‘Utywala bubangela ukungathotyelwa kwemiqathango yeCovid-19’

UMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba ilizwe liseza kuhlala kwiBakala leSine (Alert Level 4) lokuvalwa kweentshukumo elizweni isithuba seentsuku ezilishumi elinesine ezizayo.

Oku kuthetha ukuba lo Alert Level 4 uyakuphengululwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga.

Ethetha nesizwe ngeCawe, uRamaphosa uthi amanani axhomileyo okosuleleka kwabantu yile ntsholongwane, afuna amaziko karhulumente ahlale elungele ukuqubisana nale meko.

Ngoko ke, uMongameli uthe utywala buseza kuhlala buvaliwe watsho esithi nezikolo, ebezihlelele ukuvulwa ngomhla weshumi elinesithoba, ziza kuvulwa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga.

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: Facebook

URamaphosa uthi utywala bubangela ukungathotyelwa kwemiqathango yeCovid-19, ekwathi ukuvalwa kwabo bubangela ukulungela kwamaziko ezempilo ekuqubisaneni nalo bhubhane.

Eminye imiqathango efana neendibano zezenkolo, ezoyolo nezopolitiko, iza kuhlala ihleli.

Kodwa uRamaphosa ubhengeze ukuba amashishini okutyela (restaurants) kwakunye neendawo zokuzilolonga ziza kuvunyelwa ukuba zisebenze phantsi kwemiqathango.