IMpuma Koloni icelwa ukuba izikhwebule kwimiheshuzo yoqhankqalazo

URHULUMENTE waseMpuma Koloni wenze isimemezelo kuluntu lwephondo ukuba lungazibandakanyi noqhankqalazo olufana nolo luqhubeka KwaZulu-Natal naseRhawutini.

Olu qhankqalazo lubangele ukunokaliswa kweempahla zamashishini, lwashiya abantu abathandathu beswelekile kwanenkitha ethe yabanjwa ngabezomthetho.

Kukholeleka ukuba luphenjelelwe yingqumbo yabathile abachasene nokuvalelwa kobesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma. UZuma ukwintolongo yaseEstcourt eKZN apho adontsa khona isigwebo seenyanga ezilishumi elinesihlanu.

NgoMvulo, imimandla yaseKZN naseRhawutini ibigutyungelwe luqhankqalazo olubangele ukwebiwa kweempahla zamashishini.

Uqhankqalazo lwabo kukholeleka ukuba ngabaxhasi bobesakuba nguMongameli weli, uJacob ZumaUMFANEKISO: Motshwari Mofokeng/African News Agency (ANA)

UMphathiswa woKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uWeziwe Tikana-Gxotiwe, ulumkise uluntu malunga nefuthe lolu qhankqalazo kuqoqosho nakushishino.

Esi simemezelo sephondo siza emva kwesankxwe esithe ndi kumakhasi onxibelelwano malunga noqhankqalazo olucetywayo ephondweni, nolujolise kwiidolophu ezinkulu iGqeberha, Monti kwanaseMthatha kuquka nekomkhulu lephondo iBhisho. Ngokwesi sankxwe, kulunyukiswa ngelithi iphondo liza kube linoqhankqalazo ngoLwesibini nangoLwesithathu. Akwazeki nokuba yinyaniso okanye ubuxoki kusini na esi sankxwe.

UTikana-Gxotiwe uthe: “Siyawahlonipha kwaye siyawaxhasa amalungelo oluntu okuqhankqalaza. Kodwa simemelela kuluntu ukuba bacinge xa bengenela uqhankqalazo. Simemelela kubo ukuba bangazibandakanyi nezenzo ezingatshabalalisa ubomi babanye.”

UMongameli Cyril Ramaphosa uzikhalimele izehlo zodushe nokonakaliswa kweempahla zamashishini kolu qhankqalazo.

Kusenjalo uMkhosi weli ubhengeze ukuba kuza kuthunyelwa amajoni eKZN naseRhawutini ukuya kuncedisa amapolisa ekunyanzeliseni umthetho kule nyewe.