I’solezwe likhumbula incoko yalo noSis’ Ouma

“Xa ukhula suzibekela phantsi, qiniseka ngendawo oya kuyo ungabhekabheki, eso kungenzeka sisonka sakho,” oku kwathethwa nguNokuzola Mlengana ngethuba encokola neli phephandaba ngeyeKhala ngo2015.

UMlengana, obhubhe ebutsheni bale veki, waziwa ngokudlala indima kaSis’ Ouma kumdlalo kamabonakude iSkeem Saam.

UMlengana yinzalelwane yaseSajonisi, apho akhulele khona waze wafunda kwizikolo ezifana neScambeni Primary naseSjungqwini.

Kodwa kungoku nje ikhaya lakhe beselizinze eMakhanda nalapho aphumelele khona iMatriki kwisikolo saseNtsika.

UMlengana ukhe wabonakala kwimidlalo efana neTshisa, nalapho wayedlala indawo yomgcinicwangco (security) esisinqandamathe sikatata kaBaksteena.

Ukwazibonakalise kakhulu kwimidlalo emininzi yaseKasi efana nooMahlanyahlanya neminye eliqela.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa emva konyaka ekwiSkeem Saam, uMlengana uthi wenjenjeya ukusingisa eGoli kanye emva kokuqhawula umtshato wakhe ngonyaka ka2010.

“Ndikhumbula kakuhle ndinemoto yohlobo lweNissan, ndathabatha abantwana bam ndangena endleleni eza eRhawutini. Ukufika kwam ndasebenzisa ubusentana bam ndahlala ehotele engasePark Station, ndaqasha ummi welizwe laseMalawi ukuze aqhube isithuthi sam andingenisele ubusentana, ” kwatsho uMlengana.

Uthi iinzima ahlangabezene nazo zizo ezimnike iimpiko zokubhekela phambili ebomini.

“Ndihambe iiodishini (ukuvavanyelwa indima kamabonakude) ndiman’ukuphoxeka kodwa ndingancami, ” kwatsho uMlengana kule ncoko.

Uthi ukhumbula kanye ngemini kukhangelwa uSis’Ouma siSkeem Saam.

Indawo eyayibambe iiodishini zokukhangela umlinganiswa wale ndawo zazingekude apho ahlala khona.

“Ndathuma intombi yam eyayisenza ibanga leMatriki ngoko ukuba iyokundimela kuloo mgca wawumde ngabantu ababeze kuthatha inxaxheba. Ukufika kwam ndangena, ndacenga ukunikwa ithuba. Ndaphumelela ngoko nangoko, ndishiya oosaziwayo abaliqela ababe lapho, ” kwatsho uMlengana.

KwiSkeem Saam waziwa ngokuthetha ulwimi lwakhe lwesiXhosa ngendlela emnandi. Ebedlala njengoNogada ongavaniyo nabantwana abagila imikhuba eGauteng University, waze kamva waya kubangunogada eTurf University.

Simbuza ngokuthethwa ngabantu ngendima kaSis’ Ouma ngethuba eqala ukuvela kwiSkeem Saam.

“Yhuuu! Ixesha elininzi xa ndiphuma ndiye ndinxibe hlobo limbi, okanye nditshintshe nto ithile ngam ukuze ndingaqondwa kuba abantu bayandiyuca, bandibiza njengomthakathi.”

“Hahaha! Nasenkonzweni ndibonwa njengomthakathi ngabanye abantu abangaqondiyo ukuba ngumdlalo lowa, ” kwatsho uMlengana efile yintsini.

UMlengana wathi ukwanalo nephupha lokuba ngumsasazi kanomathotholo.

Ephefumla ngokusweleka kukaMlengana, uSumaya Mogola onguMpapashi kwiSkeem Saam uthi bebonke basothukile zindaba zokubhubha kukaMlengana.

“Kwaye oku kuyilahleko enkulu kuthi. Andikakwazi ukuphefumla okwangoku ngokuza kwenzeka ngendima ebeyidlala,” kutsho uMogola.

UMogola uthi namhlanje [Lwesine] kulindeleke kubekho iDrive Through Memorial Service ngentsimbi yesibini ukuya kweyesine e13 Wood Street, eMakhanda.

Esithi kulindeleke abekwe kwikhaya lokugqibela ngomso [uLwesihlanu] nangona iinkcukacha zoko zingekabhengezwa.

UMlengana ubhubha eminyaka ingama58 ubudala emva kokugula. Ushiya ngasemva abantwana bakhe.