‘Sanukuya enkonzweni!’

Iinkokheli zeeNkonzo eziphambili nezinamanani aphezulu eMpuma Koloni, zithi ayibobulumko ukuvulwa kweenkonzo kweli.

Oku kuza emva kokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa enyenyise imiqathango equka ukuvulelwa kweenkonzo ukuba ziqhutywe ngamalungu angamashumi amahlanu ukusukela ngeCawa.

I’solezwe lincokole nabefundisi eKomani, eMonti naseBhayi ngelizama ukukhangela ukwamkeleka kwesi sigqibo.

UBishophu Maholo John Mbesi weDevine Life Kingdom Centre uthi azikho izixhobo zokuzikhuselana ezinkonzweni.

“Kwelam ibandla ngaphandle kwamathandabuzo ndingathi kubo hayi makungayiwa enkonzweni, enkonzweni sinabantu abadala, azikho izixhobo ezifanelekileyo zokuzikhusela, ubusika buza kulenyusa kakade inani lokwasuleleka,” kucacisa uBishophu Mbesi.

Uthi iintsapho ekulindeleke ukuba zibe sezinkonzweni zinabantu abajongene neengxaki ezininzi ngenxa yesifo seKhorona.

“Abantu baphelelwe yimisebenzi, banoxinzelelo, iinkampani ziyavala, iintsapho ziza kuchithakala, asinakongezwa kwelo nxeba. Amadoda kaThixo mawahambele abantu emakhayeni abo,” kutsho uMbesi. Uninzi lweenkonzo zeli zinabantu abaqabelayo kwikhulu ngeCawa nganye xa bedibene bekhonza iNkosi.

UBishophu uMvusi Gwam weKingdom Embassy Episcopal Church eBhayi, uthi kweyakhe inkonzo akukho bani uza kuya enkonzweni.

“Asikulungelanga ukuvula ngeCawa, sinabantu abaninzi abagula zizifo ezinokwenza ukuba babengamaxhoba esifo seKhorona,” kutsho uBishophu Gwam.

Uhambisa athi iinkonzo kumele ukuba zibeke phambili iimpilo zamalungu azo nanjengoko beza kuwadinga amalungu emva kokugqitha kweKhorona.

“Sinamabandla eMthatha, Qonce naseCumakala. Kuwo onke asilindelanga mntu uza kube esiya enkonzweni ngale Cawa,” kutsho uGwam.

Ezinye zeenkonzo eziphambili kweli ziquka inkonzo yamaWesile nenkonzo yaseZCC. Zicele amalungu azo ukuba angayi ezinkonzweni.

UMfundisi uSiza Masiza weChristian Community Fellowship eMonti, uthi sele bencamele kubuxhakaxhaka bala maxesha ukunxibelelanisa amalungu abo.

“Asibobulumnko ukuthunyelwa kwabantu ezinkonzweni, idaliwe into yokuba abantu bathandane banxulumane enkonzweni. Ngubani oza kugada iingcango eziza kubanjwa ngabantu, izindlu zangasese, izitulo abachopha kuzo nokubolekisa ngezinto abaqhele ukunikana zona? ”kubuza uMfundisi Masiza.