Shiyeka 2016, samkela u2017

NGAPHANDLE kwamathandabuzo unyaka ka-2016 uyakuhlala ukhumbuleka ngenxa yeziqendu zawo ezithe zatsala umdla kubafundi bamaphephandaba kwanabo babukela umabonakude okanye baphulaphula unomathotholo.

Ukusuka kwezopolitiko, ezemidlalo, ezolonwabo ukuya kwezoqoqosho, iindaba zika-2016 zenze uluntu lahlala luthe xhungu maxa wambi lubambe ongezantsi ngelinye ixesha lonwabile.

* Ngubani obesazi ukuba iNelson Mandela Bay, iTshwane neGoli zingaze zimke kulawulo leANC? Ngubani obesazi ukuba kungakho indoda (Pravin Gordhan) eqin’ isibindi iphikise ukudlakatheliswa kombuso lusapho lakwaGupta?

* Kulo nyaka inkundla yomgaqo-siseko ithe yayalela uMongameli Jacob Zuma ukuba abuyisele kwinxili yombuso imali engange-7.8 yezigidi zeerandi echithwe ekwakheni ikhaya lakhe eliseNkandla. Oku kwenzeka nangona nje uZuma wathi waxelela isizwe amatyeli ngamatyeli esithi akukho gxeke ekwakhiweni komzi wakhe ngumbuso.

* Unyaka ka-2016 uphinde yangunyaka apho zithe zayingxinano izimemezelo zokuba makehle esikhundleni uMongameli Jacob Zuma, ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweANC kunyulo loomasipala obelubanjwe kwinyanga yeThupha.

* Nehlakani likaZuma, uHlaudi Motsoeneng ebengundaba-mlonyeni kulo nyaka, ukusuka ekubhengezeni ukuba iSABC iyazikhwebula ekupapasheni imifanekiso ebonakalisa udushe ukuya kwisibhengezo sokuba owona mculo uzakudlalwa kulo msasazeli woluntu izakuba ngulowo weemvumi zeli isikakhulu.

Kodwa noxa kunjalo inkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni imfumanise engekho kwilungelo lakuxhuzula mikhala kwizikhundla eziphezulu kwiSABC lo kaMotsoeneng. Kwakhona, abasebenzi beSABC kwanabo bebesakuba ngamalungu ebhodi kweli qumrhu bakhwele bezehlela kuMotsoeneng bexelela iPalamente ngelithi ilawula ngegqudu le ndedeba.

* Futhi ngubani obesazi ukuba isikolo iPretoria Girls’ High, ekucaca ukuba sithathe iminyaka sicalucalula abantwana abamnyama, singabanjelwa uqhankqalazo liqaqobana labantwana baso abamnyama befuna kutshintswe umgaqo-nkqubo weenwele?

* Impalalo-gazi yokubulalana koonoteksi ngenxa yomzila ophakathi kweLibode noMthatha sokuze ilityalwe.

* Emva kweminyaka engamashumi amabini ananye, iqela leMamelodi Sundowns lenze uMzantsi Afrika wabhiyoza emva kokuphumelela iCAF Champions League eyagqityelwa yiOrlando Pirates ngo1995. ISundowns ibeliqela lokuqala leli ukuthabatha inxaxheba kwiFIFA Club World Cup eJaphani noxa nje izinto zingayihambelanga kakuhle.

* Imbaleki uWayde Van Niekerk wenze uMzantsi Afrika wazidla emva kokwenza imbali kulandela ukophula irekhodi leminyaka elishumi elinesixhenxe kwiiOlimpiki ebezibanjelwe eRio de Janeiro eBrazil.

* Inzalelwane yaseMhlahlane kuGatyana uNjengele Derrick Daliwonga Mgwebi kulo nyaka uthe wenzelwa itheko lokumnika undlela-mhlophe emva kokutyunjwa kwakhe ngunobhala-jikelele weZizwe eziManyeneyo (United Nations [UN]) uBan Ki-Moon njengenkumanda yomkhosi weUN onjongo zawo ikukuzisa uxolo eDRC.

* Phesheya kweelwandle, engazange anikwe thuba enjalo, uDonald Trump uvotelwe njengoMongameli waseMelika. Ukanti iNkulumbuso yaseBritane uDavid Cameron uthe wanikezela kwisihlalo sakhe emva kokuba uninzi labantu bela lizwe bethe bavota ngokuchaseneyo nokuzibandakanya kweli lizwe nemanyano yamazwe aseYurophu.

* Xa sijonga kunyaka ozayo, sibona kuseza kuqhubeka ukuthaphuka kwezitsala umdla kuba lo ngunyaka wenkomfa yokonyula iinkokeli ezintsha zikazwelonke kwiANC. Ngubani ozakungena endaweni kaMsholozi?

NaseMpuma Koloni ikwalelo dabi. INkulumbuso uPhumulo Masualle okwangusihlalo weANC ephondweni ufikelela esiphelweni sexesha lakhe elimiselweyo njengosihlalo walo mbutho. Inkomfa yolonyulo yephondo izakubanjwa ekupheleni kwenyanga yeSilimela. Ngubani ozakungena endaweni kaMasualle?

Nokuba yintoni ezakwenzeka, amas’ abekwe elangeni. I’solezwe liza kuhlala lizizicaka zenu.