‘Sibomvu eNgqatyana kodwa siyikhathalele imfundo’

Inqununu yesikolo iNgqatyana S.P.S eXhorha uWandile Ngceba, ilungu leSGB uLevani Tyeleba, uNkos Daluxolo Sihlava kwakunye nootitshala ngethuba besamkela ipeyinti yokucoca abayiphiwe nguMbhashe Municipality. UMFANEKISO: UTHUNYELWE.

Isikolo samabanga aphantsi iNgqatyana S.P.S nesikumhlaba iNgqatyana Great Place eXhorha phantsi koMasipala waseMbhashe kwaWard 26, sisikolo apho ebesikade ngaphambili sikwimeko embi kakhulu, obungenokutsho ukuba yindawo eqhuqha ikamva labantwana.

Ngokokutsho kweLungu leBhodi, uLevani Tyeleba, esi sikolo besifudula sihlala iibhokhwe xa abantwana sele begodukile.

“Iifesitile beziqhekekile, amacango ophukile kwaye nabantwana ngaphakathi emagumbini begodola. Ubungenakutsho ukuba isesisikolo esisasebenzayo. Kodwa izinto ziye zajika emva kokufika kwenqununu entsha ngeyoMnga ka2019, satsho savuleka amehlo nabantwana banawo umdla wokuya esikolweni. Apha singabantu ababomvu abangahoyanga mfundo kodwa ngenxa yale nqununu ikhutheleyo sivuleke amehlo saqaphela nokuba ayenzeli yona siqu, yenzela ikamva labantwana bethu ,” utshilo uTyeleba.

UTyeleba uncokole nephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngethuba uMasipala uMbhashe unikezela ngezixhobo zokucoca isikolo.

INqununu yesi sikolo nguWandile Ngceba nofike kunyaka ophelileyo kwesi sikolo. Uyangqina ukuba imeko ufike ingaginyisi mathe kwesi sikolo.

Uthi khange alinde kwiSebe lezeMfundo ukuze abe ufumana izixhobo zokucoca esi sikolo. UNgceba uthi isikolo ayiloxanduva lesebe kuphela, lelomntu wonke kungoko eye wankqonkqoza nakweminye iminyango ecela uncedo nekuye kwasabela uMbhashe.

“Ngenene ndifike kukubi kakhulu apha kungekho hoyo lwenzekayo. Abantwana bebenokutyiwa nazinyoka ngenxa yengca ende xa besiya kwizindlu zangasese, begodola ngaphakathi ngenxa yokungabikho kweminyango neefesitile. Ndincedwe nguMbhashe kuba imali esasiyinikwe lisebe lezeMfundo yayingenokwenela kwiingxaki ebezikwesi sikolo. Okundenze ndiququzele kukuba bendifuna ukuvuselela esi sikolo kwaye siphucuke naso,” utshilo uNgceba.

INkosi yala mmandla uNkos’ Daluxolo Sihlava uthi isikolo besidlakadlaka engatsho nokuba singaphinda sivuke kwimeko ebesikuyo.

“Sikhe asabinaNqununu ixesha elide apha, sanexhala ukufika kukaNgceba sisithi uza kubeka ityala kuthi. Endaweni yoko uvele waququzela wasimangaza, walungisa okuninzi,” ivale ngelo iNkosi yaseNgqatyana.

Ezi zixhobo kuzo kukho nepeyinti, zinikezelwe nguXoliswa Willie obemele usodolophu woMbhashe uSamkelo Janda, ehamba noWard wale ndawo uNozuko Sirhunu.