Sibongile Mani cacisa ngemali, kutsho abafundi

USibongile Mani engena evenini yamapolisa emva kokutshutshiswa ngabafundi base-WSU eMonti, nge-R14 000 000 kaNFSAS efunyenwe ekhadini lakhe lokutya IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ABAFUNDI baseWSU abangabaxhasi bombutho iPasma (Pan Africanist Student Movement of Azania) bathi bakuxola kuphela xa uSibongile Mani echazile ukuba uyidyarhazele ntoni inkuntyula yemali ebifakwe “ngempazamo” kwikhadi lakhe.

UMani ebexakene nento eCollege Street eWSU eMonti kule veki ngethuba iPasma ibikhwebe inkomfa noonondaba, ifuna ukuchazela uluntu ngembilini yayo kulandela ukufakwa kwesithonga sezigidi ezilishumi elinesine (R14 million) kwikhadi lemali yokutya (IntelliMali) esuka kwaNSFAS (National Student Financial Aid Scheme).

Kwisithuba seevekana, uMani uchithe imali engange-R818 000, eyidyarhaza noobhululu bakhe. Ukwenze oku eyazi ukuba imali ebekufanele uyifumene ibiyi-R1 400 kuphela.

Kuthe xa iPasma ibhengeza ukuba uMani akazukuthetha kule nkomfa noonondaba, baqala ukunxakama abafundi.

Inkokeli yePasma kwanetshantliziyo uVusi Mahlangu, uxelele oonondaba ukuba uMani ubhuqeka ngumvandedwa ngenxa yoku. “Akakakulungeli ukuthetha noonondaba. Yimeko enzima le akuyo. Into eyenza ibenzima nangakumbi yiWSU ebonakala ingasihloniphanga isidima sakhe, yenza ukuba ibengathi nguye lo wonileyo,” utshilo uMahlangu.

Le ngcaciso ibangele ukungaxoli kubafundi. “Utheni engazuthetha nje, ethethelwa? Ungusaziwayo njengokuba enabakhuseli nje? Iphi iWeave le ibizayo ayithenge ngemali?”

Le yimibuzo ebuzwe ngabafundi, apho uninzi lwabo ingamalungu ePasma.

Umfundi waseWSU, owenza unyaka wokuqala kwizifundo zobunjineli, ebengabambeki efuna esiqwini kuMani.

“Besifuna iimpendulo apha kuye. Basibizile besithi masizokuxhasa uMani, asimxhasi tu kule nto ayenzileyo. Xa sifika apha sixelelwa ukuba akazokuthetha, yintoni igama lalo nto?” kubuze umlandeli wePasma. IPasma, ngokomlomo wenye yeenkokeli zawo uVuyo Langeni, uthi aziyonyani iingxelo zokuba uMani akazange ayixele kwiziphathi-mandla le nkuntyula yemali. “Wayixela, kodwa iWSU yakhetha ukungayihoyi le nyewe,” kutsho uLangeni.

UMahlangu uthi uMani uphila phantsi koloyiko ngenxa yale nyewe. Isithethi saseWSU uYonela Tukwayo, uthi uMani uxelelwe ukuba makabuyise le mali.

Emva kokuba kuphethulwe inkomfa noonondaba, abafundi baseWSU abakhange balawuleke befuna ukusondela kuMani. Lo mbhodamo ubangele ukuba iimoto zime ngxi kwisitalato iBuffalo neOxford eMonti, de kwafika amapolisa amthatha amsa apho ahlala khona uMani.

Phambi kokufika kwamapolisa, iinkokeli zePasma zizamile ukumisa amaphela (uhlobo lweemoto zikawonke-wonke), befuna ukuba akhwele kuzo uMani kodwa nkqi ukumisa abaqhubi bamaphela. Ukanti amapolisa athi livuliwe ityala lobusela ngakuMani. Isithethi samapolisa uBrigadiya Marinda Mills uthi ityala livuliwe, linikezelwe kumphandi onamava.