‘Sidanile ngokuphoxwa nguZimi Mabunzi’

BAQUQUZELELE umsitho wokwamkela uZimi Mabunzi, ophume kwindawo yesibini kukhuphiswano lukaMiss SA, kowabo eXesi de kwakhutshwa nabantwana ezikolweni ukuze ayokwamkelwa endleleni nto leyo engakhange yenzeke emva kokuba engabonakalanga nangotshengele uZimi.

Oku kwenzeka nangona nje abaququzeleli bebesenza oku ngokusebenzisana nosapho lukaZimi kumsitho wokumamkela obuhlelelwe ukuba uza kubanjwa ngoLwesithathu (20 kweyeDwarha). UZimi, uzalelwe eAnnshaw eXesi.

Omnye wabaququzeleli, uMonwabisi Zamo ongumgqatswa kwisikhundla sobuceba kwaWadi 16 eRaymond Mhlaba, uxelele I’solezwe lesiXhosa ngoLwesine ukuba badane kakhulu kukungafiki kukaZimi, ingakumbi ukungatsho isizathu sokungezi.

“Le nto iqale ukucetywa ngeCawe (17 kweyeDwarha), emva kokuba sibonile ukuba uqhube kakuhle kukhuphiswano lukaMiss SA. Saqala ngoko ke ukuququzela, sagqiba kwelokuba ngoLwesithathu (20 kweyeDwarha) ngentsimbi yokuqala emini senze umsitho wokumamkela. Iinjongo ibikukuthaza nabanye abantwana ukuba bazithembe. Besikwafuna ukumbonisa ukuba siyazingca ngaye,” kutsho uZamo.

UZamo uthi bazoqala ukuphoxeka xa kufika ixesha lokuqala komsitho kwabe kuthe cwaka engatsho isizathu sokuba angezi uZimi.

“Sabazamile emnxebeni xa sibona bengafiki, asabafumana. Ekugqibeleni, sabe sidane sinjalo, sigqibe kwelokuba masiwuchithe umsitho. Ngelo xesha abantwana bebengxange endleleni kukho neemoto zamagosa ezendlela, ukuqinisekisa ngokhuseleko lwakhe,” utshilo uZamo.

UZamo uthi izikolo ezibini bezide zakhupha abantwana bazo ukuze bazokwamkela uZimi.

Belinde ngomonde bezakonwabisa uZimi Mabunzi ongakhange ade afike UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Bekugcwele edolophini eXesi, abantu benomdla wokwamkela uZimi kuba usapho lwakhe beluye lwasiqinisekisa ukuba uyeza. Bazokufowuna ngokuhlwa kwala mini (Lwesithathu), besithi bayaxolisa kodwa bengasitsho isizathu sokuba angafiki.

I’solezwe lesiXhosa linxibelelene noZimi ngoLwesine. Uphendule ngelithi unolwazi malunga nale nyewe watsho esithi kuxakekiwe ngoomanejala bakhe bezama ukuyilungisa.

“Andinako ukuphefumla mna. Oomanejala bam baphezu kwawo lo mcimbi,” utshilo uZimi.

NgoLwesibini uZimi ebemkelwe kwisikhululo seenqwelomoya iKing Phalo eMonti, apho bekukho oosodolophu kwakunye nosapho lwakhe.

Kwimbalelwano, abakwaMiss SA bathe: “Ophume indawo yesibini kuMiss SA 2021, uZimi Mabunzi, ubulela kuluntu lwaseMpuma Koloni ngokuququzelela umsitho okhethekileyo wokubhiyoza naye (eKing Phalo Airport eMonti) ngoLwesibini umhla we-19 kweyeDwarha 2021. Ngokwesithethe, imisitho yokubhiyozela ekhaya iququzelelwa ngokusebenzisana neSigqeba sikaMiss SA ukuqinisekisa ukuba bonke ababandanyekayo banolwazi ngezinto eziza kwenziwa.”

“UZimi akakhange aziswe malunga netyeli lesibini (laseXesi) lokubhiyoza naye obeluhlelelwe ukuba luqhubeke ngoLwesithathu umhla we-20 kweyeDwarha 2021, kungesosizathu ke esibangele ukuba angazimasi,” itsho ingxelo kaMiss SA.

Ngezantsi, yimbalelwano eyenziwe nguZamo exolisa kuluntu lwaseXesi.