#umgidikaboy: Halala, uBoy uya esuthwini

KUCHUKUMISEKE intliziyo kaLonalinamandla Bawuti emva kokufumana umyalezo wokuba kukho inkwenkwe engenabazali, ehlala nomakhulu wayo, nenomvandedwa ngenxa yokuba ingayazi ukuba iza koluswa ngubani, kanjani.

UBawuti uthi ubhalelwe umyalezo sisizalwana sale nkwenkwe efunda uGrade 12. Ngenxa yomvandedwa le nkwenkwe kuthwa ibide izivalele yodwa kowayo ngenxa yemeko yokuhleleleka.

Lonalinamandla Bawuti UMFANEKISO: FACEBOOK

UBawuti uqale ukucela inkxaso ebantwini ngoLwesine, emva kokuba naye ekhuphile kwipokotho yakhe.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngenjikalanga yangoLwesihlanu, uBawuti waseMthatha, uthe: “Abantu bandichukumisile kakhulu, ndivele ndazibona ndisondele kulo mntwana (boy) ndingamazi ndinjalo, bendithetha nje efowunini naye.”

UBawuti uthi ukusabela kwabantu kwisicelo sakhe ebengakulindelanga ngendlela abasabele ngayo.

“Andikhange ndikulindele ukusabela ngolu hlobo kwabantu. Ingummangaliso indlela abasabele ngayo abantu. Enye into endiyiqapheleyo kukuba xa uthetha nabantu abathile kumakhasi onxibelelwano kufuneka uthethe ngale ndlela bathetha okanye abayithandayo, ukuze ubatsale. Yiyo le nto ndisebenzise igama elithi Boy.

“Nokusebenzisa iHashtag xa wenza iphulo kumakhasi onxibelelwano, kunefuthe. Abantu bayasabela, omnye athi uza kuba yiGirlfriend kaBoy, omnye athi uza kuba likhankatha likaBoy,” kutsho uBawuti.

UBawuti uthi uyakwamkela ukuqhula kwabantu ngalo mgidi, kuba lo nto bayenza bexhasa.

Emva komgidi uBoy uza kuthini, ingakumbi xa ephumelele uGrade 12?

“Siye safumanisa ukuba uBoy wenza uGrade 12, ngoko ke ndiye ndacinga ukuba siza kwenza umgidi emva koko kwenzeke ntoni? Kutheni singenomncedisa afake isicelo eyunivesithi ze afumane nenkxasomali ukuze kwazi ukuziphuhlisa xa uLona okanye omnye umntu engekho,” utshilo uBawuti esithi abantu bangaqhuba bexhasa.

Emalanga ngoLwesihlanu imali ebesele kuxhaswe ngayo ibingaphaya kweR70 000.

UBawuti xa ixesha lifanelekile uza kuliveza igama likaBoy kupapashwe nomhla womgidi kuquka nendawo apha uza kube uqhutyelwa kuyo umgidi.