Sikrwabaze ungabi naxhala isiNgesi

Xa kufikelela kumba weelwimi, uMzantsi Afrika lilizwe elinika umdla kakhulu. Umgaqo-siseko weli lizwe ugunyazisa ukusetyenziswa kweelwimi ezili-12 zabemi beli lizwe ngokulinganayo.

Nangani kunjalo ke, sazi mhlophe ukuba indlela ezisetyenziswa ngayo ezi lwimi, kuquka nendlela ezixatyiswe ngayo, ayinakuze ilingane. Kuyamangalisa nto zakuthi ukufumanisa ukuba nangona isiNgesi esi ilulwimi lwasemzini, okokuthi alunamveli nantsusa yalo ikweli lizwe, nanjengoko leza namakoloniyali ayeneenjongo zokwandisa izithanga zawo, lulo kuphela oluthethwa kuwo onke amaphondo oMzantsi Afrika. Kuwo onke la maphondo alithoba, isiNgesi sithethwa kwaye sisetyenziswa kunye neelwimi ezithethwa ngabemi abantsundu bephondo ngalinye.

IBhodi ejongene nokusetyenziswa kweelwimi eMzantsi Afrika, iPANSALB, kwimigomo yayo igunyazisa ukuba iphondo ngalinye limele ukusebenzisa ezona lwimi zithethwa ngabemi abaninzi kwiphondo elo.

Umzekelo, kweli leMpuma Kapa, ezona lwimi zithethwa ngabantu ngokusesikweni zezi: IsiXhosa; isiNgesi; isiAfrikansi nesiSotho, nanjengoko eli phondo linabantu abaninzi abathetha ezi lwimi njengeelwimi zasekhaya. Ukanti kwiphondo leNtshona Kapa, abakwaPANSALB bakhuthaza ukuba kwela phondo kusetyenziswe iilwimi ezintathu ezisetyenziswa luninzi lwabantu abahlala kweliya phondo. Ezo lwimi ke sisiNgesi; isiXhosa nesiAfrikansi.

Uya kuphawula ke mlesi ukuba kuninzi lwamaphondo, nangona zikho iilwimi zemveli zaseAfrika ezithethwayo, isiNgesi nesiAfrikansi azishiyeki ngasemva.

Okunye okukhwinisayo kukuba kwa-esi siNgesi nesiAfrikansi, ubukhulu becala zezona lwimi zisetyenziswayo kwimimandla yowiso-mthetho, kumacandelo ezempilo, kushishino nakwezemfundo.

Xa ubona imibhalo yemiqondiso kweli lizwe, nokuba ukweliphi na iphondo, kuloo mibhalo uya kusoloko ubona ulwimi lwemveli lwaseAfrika lukhatshwa sisiNgesi nasisiAfrikansi. Kunqabile ukubona imibhalo yemiqondiso ibhalwe ngolwimi lwemveli kuphela.

Okuvisa ubuhlungu kukuba nangoku selubandakanywa ulwimi lwemveli oluthethwa ngabantu abantsundu, amaxa amaninzi ufika lubhalwe okanye lupelwa gwenxa, nto leyo icacisa mhlophe ukuba iilwimi zethu azixatyiswanga ngoku kusithiwa iilwimi ziyalingana zonke.

Oku kungaxatyiswa kweelwimi phofu kuqala kwalapha kuthi. Sithi ababulala iilwimi zethu ngokukhuthaza abantwana bethu ukuba bathethe iilwimi zasemzini ngaphezu kweelwimi zabo, kangangokuba side sivumele ukuxelelwa zizikolo abafunda kuzo ukuba emakhaya sibakhuthaze basebenzise isiNgesi endaweni yokusebenzisa iilwimi zabo. Baninzi kuthi abaneli tyala, nam lo ndiyazibandakanya. Ndizibandakanya ndisithi asikashiywa lixesha, masizame xa sisonke sikhuthaze ukukhula kweelwimi zethu nexabiso lazo kubantwana bethu nakubazukulwana bethu.

Kweli lizwe akukho nto imangalisa ukogqitha le yokuthi xa umntu ontsundu ekrwabaza egqwidiza ukuthetha isiNgesi, ahlekwe ngabasemzini nangabakowabo.

Ukanti xa umntu wasemzini etywabaza esaphula imigaqo yokuthethwa kwesiXhosa umzekelo, abakowabo abamhleki, koko babuka ukuzama kwakhe ukuthetha ulwimi lwethu.

Nathi bantu bantetho isisiXhosa loo mntu wasemzini asimhleki xa etywabaza ekrwabaza ulwimi lwethu, koko ngokobuntu bethu sisuka sincume nje, kulandele ukumsizela nokumncoma.

Nisisizwe esinjani na nina mzi ontsundu? Kutheni kulula kuni ukunyhikilana, ukunyembana nokuhlekana, endaweni yokuxhasana, ukuphakamisana nokukhuthazana?

Ezinye izizwe zithi sezithumela oonozaku-zaku kweli lizwe, ezo ziphatha-mandla ubone zikhatshwa ziitoliki. Ezo ziphatha-mandla ziqhubekeka zithetha iilwimi zazo zenkobe, zitolikelwe ngulowo unolwazi lwezo lwimi, olu toliko elwenza ngesiNgesi.

Ezo ke zizizwe ezixabise ezazo iilwimi, kangangokuba abemi baloo mazwe bathi sele bekrwabaza isiNgesi, bangaboni nto igqathu okanye ilinyala. Elam lithi, nokuba ungasitywabaza usikrwabaze isiNgesi, ukusukela namhlanje, ungaze uvakalelwe kabuhlungu okanye ube ntloni, kakade isiNgesi esi asilolwimi lwakho.

NamaNgesi xa etywabaza isiXhosa sakowenu, akuwahleki uwanyembe, nawo awahlekani okanye anyembane. Umnqweno wam kukubona kusakheka ilizwe loMzantsi Afrika apho amaNgesi okanye amaAfrikaner aya kuthi ethetha ulwimi lwawo xa encokola nawe, nawe ungoyiki, nawe ungathandabuzi kwaye ungabi mathidala, uphendule uncokole naloo mntu wasemzini ngolwimi lwakho.

Oku kungayinkuthazo nakubantu basemzini ukuba bafunde ngokuzimisela ukuthetha nezethu iilwimi. Ukuba sonke singakuzama oku kwaye sifunge singajiki, sifane nabo bantetho isisiNgesi nesiAfrikansi, nezethu iilwimi zingatsho zibonwe zinexabiso lokufundwa, ixabiso lokuthethwa, kwaye zikhule njengezinye!

Sikrwabaze usitywabaze isiNgesi nesiAfrikansi ungabi naxhala kuba kakade akuloNgesi ungengomAfrikaner! Thetha kwaye uzingce ngolwimi lwakho nokuba uthetha nabani na, ukuze nabanye abantu bazive benyanzelekile bekwakhuthazeka ukuba bafunde isiXhosa sakowenu!