Simtshise wabhubha isinqandamathe

UNompumelelo Khumsha, Zanele Ndlela, Nomkhitha Nkohla noNtomboxolo Qwema UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kapa

Zixakene nokuba zizakuya kweliphi icala ukufuna uncedo izihlobo zenenekazi ekutyholwa ngokuba litshiswe liqabane lalo laswelekela esibhedlele kwilokishi iLubisi eDe Doorns. UNompumelelo Khumsha, Zanele Ndlela, Nomkhitha Nkohla noNtomboxolo Qwema- baxelele oonondaba ukuba unina wesihlobokazi sabo ubabongoze ukuba bazame indlela yokubuyisa oku komzimba womntwana wakhe.

UZingisa Mntumbini (35) kutyholwa ngokuba utshiswe liqabane ebehlala nalo ngeCawe ze waswelekela esibhedlele kusuku olulandelayo. Ethetha noonondaba egixa kukukhathazeka uZanele uthe “UZingisa ebengabuyelanga endlwini ngobusuku bangoMgqibelo, ubuyele endlwini ngeCawe. Uqale wazonwabisa, wagoduka sele kurhatyele, nalapho athe wakufika endlwini wanengxabano neqabane lakhe neye yakhokelela ekubeni limgalele ngeparafini limtshise.”

Ingxelo yabahlobo idiza ukuba umfana utixele uZingisa ovuthayo ngaphakathi ze yena waphumela ngaphandle. UNtomboxolo uthi: “Ukukhala kukaZingisa evalelwe ngaphakathi kuviwe ngabanakwe beqabane lakhe abahlala nabo eyadini, nabaye baphuma, bakhwaza wabuya wavula. Abahlali bafike uZingisa etshile yena emzimbeni kodwa indlu yona ayitshanga ngaphandle kwezinto ezifana nomtshayelo, itafile, umgangatho kunye nocango. Ibhulukhwe ebeyinxibile ikrazulwe yangathi yilokhwe. “Phambi kokusweleka kwakhe uZingisa usixelele ukuba iqabane lakhe lizame ukumdlwengula lisithi lifuna ukuva ukuba akalelanga nenye indoda kusini na.”

Ungenelele uNomkhitha esithi esi sibini besisoloko sixabana, intokazi imane isiya kumangala emapoliseni kodwa iphinde ibuye iyokucima izimangalo. Uthi “Kudala zikhona iimpawu zokuba into enje ingenzeka, kwiminyaka edlulileyo uZingisa wakhe wayibambisa le ndoda imdlwengule, yahlala iinyanga eziliqela entolongweni phambi kokuba ayokucima ityala kwakhona.”

Aba babalise ngendlela avakalise ukukhathazeka ngayo unina kaZingisa oseDutywa, esithi akanayo nenjani imali yokulanda umzimba womntwana wakhe kuba bebexhomekeke kuye ngemali njengamntu obephangela ezifama. Ngokomlomo kaNomkhitha, umama kaZingisa, uthi “Andifuni ukuba umntwana wam asweleke njengenja kwelo phondo ze aphinde angcwatywe apho njengenja, zamani indlela yokuba ndifumane umzimba wakhe ndizingcwabele.”

Amapolisa aseDe Doorns athi idokethi lokuphanda livulwe izolo emva kokusweleka kweli nenekazi kwisibhedlele esiseVostile.