Single Again: Inkomfa yabaqhawule umtshato

Ukuqhawula umtshato kushiya umphefumlo ungemanga kakuhle, yiyo le nto kufuneka ube nabantu bokuphalaza imbilini xa uthe wafikelela kweso sigqibo.

UNolo Vitsha owaziwa ngelikaLhoza WamaMfene, nongumsasazi kwanomphathi kwisikhululo iKeith Ngesi Radio, ngomnye wamaxhoba ajongwa njengowoyisakalayo emtshatweni.

UVitsha, ongumama kubantwana bakhe abathathu, utshate ngo2002 ze wohlukana nomyeni wakhe ngo2018.

UVitsha ugqibe ekubeni abambe inkomfa ethi “Single Again” yamadoda oohlukana nabafazi babo kwakunye namakhosikazi oohlukana nabayeni babo kwanabo babhujelwa ngabayeni abaziwa njengabahlolokazi.

Le nkomfa iza kube ingoMgqibelo umhla wesine (4) kwinyanga ezayo eHemingways eMonti, ukuqala ngentsimbi yokuqala ukuya kwintsimbi yesine emalanga, ngetikiti leR250.

Uthi mininzi imingeni abagagana nayo kwiindibano ezifana nosuku loomama lwangoLwesine ezicaweni, kuba uthi abantu abaqhawule umtshato baye bangazazi nokuba mababe kweliphi icala kwaye banganikwa nkxaso okungathi benze eyona nto yakhe yambi.

“Ujongwa okomntu oye woyisakala ngumendo, ungumntu ongalilandeliyo ilizwi likaThixo nanjengoko besithi itsho nebhayibhile ukuba uqhawulo lomtshato alwamkelekanga. Le nto yenzeka abe lowo usengaphakathi emtshatweni okanye lowo ugxekayo engabazi ubunzima obujongene nabo ngaphakathi emtshatweni.

“Ayocawe kuphela, nangaphandle ekuhlaleni ungumxholo eluntwini kuba kufunwa unobangela wokoyisakala kwakho emtshatweni. Ubizwa ngamagama ekuhlaleni naxa uthe wakhawuleza wandweba emva kokuba uthe wadivosa okanye uthe wabhujelwa yindoda ubangumxholo kubahlebi ekuhlaleni,” utshilo uVitsha.

Lo msasazi uthi ngo2018 ebengenabani wokuthetha, ibilusapho lwakhe kuphela nalo obe lungayazi le ndlela akuyo. Uthi ebedinga umntu osele wayihamba le ndlela kungoko agqibe ekubeni enze le nkomfa, adibanise abahlolokazi kwakunye nabo baphumayo emitshatweni yabo.

“Ndisuswe kukuba ndiyazi kum le ndlela yokungabinaye umntu wokuthetha. Bayoyika ukuphuma emtshatweni abantu kuba besoyika ukugxekwa ngaphandle.”

Kule nkomfa kuninzi okuza kube kuthethwa ngako njengoko umntu ngamnye ephila nemingeni yobom. Kuza kube kusomelezwa nabo bangekayi emitshatweni bangene kuba imitshato ayifani.

UVitsha uthi kwezinye zezinto eziza kube zithethwa ngolu suku kukuba sukoyika kwaye sukunikezela ebomini kuba ebumnyameni kude kube khona ukukhanya. Kuloo mingeni kubakho nabantwana, zezinye zezinto eziza kuthi kuthethwe nangazo.

Kule nkomfa kulindeleke izithethi ezibekekileyo ezifana noThabo Mantyi oligqwetha oza kube ebonisa futhi ephendula yonke imibuzo, uGqr. Thembelani Mtini ongugqirha wengqondo kanti nabasele badlula kule ndlela. Le nkomfa kulindele nootata hayi amakhosikazi odwa.

UVitsha ubulele inkxaso kusapho, kubahlobo, engamlibalanga umphathi wakhe uKeith Ngesi owamthembayo ngokuthi amnike ithuba kwaye engazanga amgxeke, amxheshe namsebenzini.

Iinkcukacha ezithe vetshe malunga nale nkomfa ungazifumana kwikhasi likaFacebook kaVitsha elithi Lhoza WamaMfene.