Siphoswa yimisebenzi!

Ndifuna iingcebiso. Bendingumfundi eBCC FET College, ndapasa uN6 kuEducare, ndaphinda ndenza uqeqesho lwenyanga ezili-18 esikolweni, ndayofaka izinto zonke eskolweni.

BekukweyoMdumba (Februwari) ka2016 ngoko. Ndenza isicelo sam seDiploma ukuzakutsho kuCanzibe (Meyi) 2017. Oko ndisiya pha kuthiwa “approved and processed” kodwa ayifiki!

Siphoswe naluthweso-zidanga ngomhla wama-26 kuCanzibe walo nyaka. Sincamile, sicela uncedo kwezemfundo ePitoli. Siphoswa yimisebenzi siyasokola.

– Nkzn Mini, Mdantsane