Sisezakugcinwa eluvalelweni isidlwengu samakhwenkwana

ZIPHINDE zabhanga iinzame zokukhululwa eluvalelweni kwesidlwengu samakhwenkwana saseMonti uBruce Ehrlich.

U-Ehrlich ubanjwe ngoEpreli walo nyaka ngezityholo zokophula imiqathango yakhe yengqawule.

Isebe lezoluleko kweli lithi limfuna phakathi eziseleni de agqibe isigwebo emva kokufumanisa ukuba wemka eMonti ngaphandle kwemvume yegosa leli sebe, kwaye wophula isithintelo sokuba angabonwa ekunye namakhwenkwana kungekho bazali bawo okanye mntu unikwe ilungelo lokuwagada, kwanesokuba angalibeki esirhoxweni sotywala.

Oka-Ehrlich ebevele kwinkundla ephakamileyo yaseRhini ngelifuna inkundla ukuba ikhuphe umyalelo wokuba akhululwe eluvalelweni ngokukhawuleza.

Kuba: unakekela umzali wakhe okuma 80 eminyaka, ishishini lakhe iKwikPave elinabasebenzi abalishumi elinesine limile ngeli thuba avalelweyo kuba engenamncedisi wokuliqhuba .

Ijaji ebichophele isicelo sakhe kwinkundla ephakamileyo eRhini izolo iyalele ukuba lo mba uhlehliselwe umhla wama-23, ukunika uEhrlich ithuba afake amaxwembu awaqulunqileyo akhatshwa yingxelo ekhutshelweyo yesebe lezobulungisa.

Emva koko ubuyiselwe eziseleni kwakhona.