Siyakhala Solezwe!

Ndingumhlali waseDutywa, ikhaya lam likwilali yasemaCirheni, indlela yemoto asinayo; iimoto azifuni ukusifaka xa kunetha kwaye sohlika kude kunamakhaya ethu.

Asinazo iitephu zokukha amanzi; sisela amanzi achanyelwa ziinkomo, neeDonkey nehagu, yheyi ndibala ntoni!?

Nabantu ngokunjalo abafuni kuzinceda ezitoilets bafuna le ndawo sikha kuyo. Hayi siyakhala Solezwe khaniyokubona la ndawo yethu, iwesi ngoku imvula seyayeka nokunetha, xa siyokukha kwenye indawo yenye ilali yaseKotasi abahlali abafuni sikhe, bayasithuka, sikha nzima.

– Ongafuni ukuchazwa, eDutywa