‘Siyaxolisa ningcwabe umntu ongenguye’

UNomawethu Mbishi ongcwatywe izolo eNcera eMonti emva kobugangxa baseFrere UMFANEKISO: UTHUNYELWE

BEBESELE bemenzele zonke iimfanelo ezenzelwa umntu obhubhileyo bayombeka emadlakeni eVillage 7 eNcera eMonti.


Bathe besabindeke kukubhubha kwakhe wangena umnxeba ubuza olu sapho ukuba luwuthatha nini umzimba kaNomawethu Mbishi kumkhenkce karhulumente okwisibhedlele saseFrere eMonti.


Luqale apho ukothuka olu sapho, ze laqala ukuzibuza imibuzo yokuba ngubani kanye lo limngcwabileyo.

UMbishi “ebengcwatywe” ngomhla weshumi elinesithathu kule nyanga (yeKhala) emva kokubhubhela eFrere ngomhla wesithathu.

UMcebisi Dyonase ombiza makazi uNomawethu, ubalisele I’solezwe lesiXhosa ngokwenzeke kolu sapho.

“Kufowune umanejala wemotshwari yaseFrere isibuza ukuba siwuthatha nini umzimba. Ndimxelele ukuba umzimba sele siwungcwabile, wothuka wathi uza kubuyela kum. Ndilindile akafowuna. Ibendim ophinde wabagqogqa ndibuza ukuba bathini.

“Batshone bevela de batsho ukuba umzimba kamakazi ukhona phaya kubo. Side saya ke emotshwari safika sawubona umzimba. Ngenene ibingumzimba kamakazi,” utshilo uDyonase.

UDyonase uthi abaphathi baseFrere bathe bayaxolisa, batsho besithi iindleko zomngcwabo kaNomawethu baza kuzithwala ngokwabo.
Ngenene ungcwatyiwe uNomawethu izolo kumadlaka aseVillage 7 eNcera.

Lo mzimba ubungcwatywe egameni likaNomawethu ebengekagrunjwa. Kuthwa ngumfana obhubhele eFrere ongaziwayo.

Esi sehlo sishiye unxunguphalo kolu sapho. 

“Umakazi usenomama wakhe omdala ophaya koo-89. Umakazi unabantwana bakhe abathathu. Kukhona nathi bantu bakhe. Cinga ukuba inokuba siziva kanjani silusapho,” utshilo uDyonase.

Isebe lezeMpilo ephondweni belingekaphenduli ngethuba sibhala eli nqaku.

UDyonase ukwaveze ukuba umakazi wabo kuthwe ubhubhe ngenxa yeCovid-19 yiFrere kodwa iziphumo ezikwinombolo yemfonomfono yakhe, emva kokubhubha, zibuye zisithi akanayo intsholongwane yeKhorona.

Lo kaDyonase ukwathe imotshwari ayikhange ivume ukuba bakhombe umzimba ngethuba babeyokuthatha iimpahla zikaNomawethu emva kokuvakala kokubhubha kwakhe.