U-Albie Sachs ngumntu wabantu!

Umhla ngowe-13 kule nyanga yoMsintsi, ndikwibala lebhola ekhatywayo kwisixeko saseKapa, ndihleli nomhlobo wam omkhulu into kaNtshoko, uNcilashe.

Ngale mini kwakuqubisene iqela iCape Town FC ekhokelwa nguBenni McCarthy, kunye nozwelonke iqela leKaizer Chiefs. Ngenxa yokuba singamadoda angayikhi ngezitya imali, sihleli kweli cala lisemva kweempondo, cala elo libiza intlawulo engama-R60 kuphela, ukuze eli lisemacaleni ebala, libize imali engama-R80.

Athe akungena elandelelana amakhwenkwe kaJola uKhompela egaxele ezimthubi, yahlokoma inginginya eyayikwelo bala isithi “iChiefs ayilelanga, iguqe ngamadolo!” Sithe sisacula njalo singenelela kuloo ntsholo iluncuthu yaMakhos`amahle, ndeva ilizwi emva kwam lisitsho ngolwimi lwasemzini lisithi: “What an incredible atmosphere!” Ndiqale ndothuka kodwa ndazibamba, phofu ndisothuswa yingcinga yokuba kweli cala lethu bangenazipaji zifumileyo kube kanti kungakho umntu okhumshayo.

Okwesibini, nanjengamntu ohleli nje ufun`ukwazi, andikwazanga kuzibamba, kwakho into ethi makhe ndiguquke ndijonge lo mntu uncoma le meko incamis`umxhelo kwelo bala.

Ngenene ndiguqukile ndajonga, ndabona umbono ebendingenakuze ndiwuqikelele engqondweni yam, mbono lowo unditsho ndathandabuza ukuba ingaba ngenene lo mntu ndimbonayo nguye ngokwenyani, okanye ndiqhathwa ngamehlo kusini na.

Hayi mawethu ndiphinde ndajonga ngasemva, eneneni ndafika ijaji nosomthetho osele esidla umhlala-phantsi, ubawo uAlbie Sachs, nowayesakuba yijaji yomgaqo-siseko yeloMzantsi Afrika, inguye ohleli emva kwethu.

Ibinguye mawethu, uqabane uAlbie, engaxhagwanga ngoonogada, lo ngomnyaka ka-1988 wafakelwa isiqhushumbisi emotweni nesadubula watsho waswela ingalo yakhe, ngenxa yokulwela amalungelo omntu ontsundu.

Ndithe xa ndiphinda ndimjonga okwesibini, suka lo bawo wancuma wahlekela ezantsi. Ndiye ndaqiniseka ukuba oku ukwenziswa kukubona amehlo ndiwavule aziingqanda ngumothuko.

Ibinguye ngenene, amehlo am ebona yena ngqo, ubawo uAlbie Sachs, ehleli emva kwethu estediyamu, ebukele nathi umdlalo, emana ukuncoma xa kukho into ebukekayo nemangalisayo eyenziwa ngabadlali kumaqela omabini, engakhethe cala.

Ndancanywa ke ngokuqava nokunxanelwa ulwazi. Ngoko nangoko athe amaqela xa esiya ekhefini, ndabulisa kulo bawo.

Emva koko ndicele uxolo ngokumjonga izihlandlo zide zibe zibini, ndatsho ndisithi kumnyaka ka-2015 xa aBafana Bafana babeze kudlala eKapa, nalapho ndandimbonile ehleli kweli cala lethu, kwaye oku kunayo indawo emangalisayo kum.

Akabanga salindela mbuzo, usuke ubawo uAlbie Sachs waphendula encumile, wathi, “nyana, ubomi bam bonke andihambi ndedwa, ndihamba nabantu, kwaye abona bantu bachukumisa nabaphuhlisa umoya wam ngabo babonwa bengekho kumanqwanqwa aphezulu ebomini.”

Uqukumbele ngelithi, “mfowam, ndizithatha njengomntu wabantu. AbeNguni bade bathi, umntu ngumntu ngabantu!” Ubawo uAlbie Sachs uthe akutsho, ndancuma ndedwa, ndalikhupha latsola kuye elithi, zinqabile iinkokheli ezihamba kunye nabantu, iinkokheli ezihlala kunye nabantu, kwanezo zibathandayo abantu.

Inkokheli zanamhlanje zihambela kude ebantwini, iinkokheli zanamhlanje zihlala ziphahlwe ngamadindala, iinkokheli zanamhlanje zihlohla iimpokotho nezisu zazo kuphela, zilibale ngabantu, nangona kobo bunkokheli bazo zonyulwe zabekwa ngabantu.

Iinkokheli ezinjalo sazigqibela ngexesha likabawo uMandela, ixesha likaMwalimu Julius Nyerere, ixesha likaThomas Sankara, kangangokuba nangoku xa usiya kula mmandla waseDikeni ukuya kuma ngeKhobonqaba, wofika amaxhego alapho ekhala ngelithi, “okoko kwemka uJongumsobomvu uMaqoma, siyalamba, sinxaniwe, kuba loo nkosi yayingena iphuma emizini yabantu bayo, kutsho kuxhelwe, kusilwe, abantu baphile!”

Ndithe ndisathetha njalo, wancuma ubawo uAlbie Sachs, wathethela phantsi esithi, unyanisile mfo wam, kungcono singene kumaphulo okukhuthaza ezi nkokheli sinazo, ukuze zifane nezo nkokheli uzikhankanyayo.

Ukuzilwa nokuzihlasela mhlawumbi akunakunceda bani, okubalulekileyo kukuba sakhane, sixhasane kwaye simanyane sisisizwe soMzantsi Afrika, ukuze isizukulwana sethu singabi ngamaxhoba okungavisisani kwethu!

Uqukumbele ngelithi, makhe siyiyeke ipolitiki nyana, siphumze iingqondo ezi zishushu, sibukele ibhola! Sonke ababemamele kuye sihlekile, kwamnandi, sabukela ibhola ngokomyalelo wakhe wobulumko!

Sithe xa siphuma apho, satsho ngamxhelo-mnye ukuba ubawo uAlbie Sachs, yinkokheli ngokuzalwa, yinkokheli engumzekelo omhle, kwaye ungumntu wabantu ngenene!