Ubhubhe ngenxa yesihlahla sentsangu

Umama kaNtsika

Ubhubhe ngenxa yesihlahla sentsangu UNtsika Mampangashe (20) wakwa Mlungisi eCumakala, wahlatywa ngencula wabhubha etyholwa ngobusela besihlahla sentsangu, ehlatywa nguSiphesihle Nkohla ozixhomileyo naye.

UNkohla, uzixhome kwiveki ephelileyo ngethuba bekulindeleke ukuba avele enkundleni ngenxa yetyala lokubulala uMampangashe. Ingxelo ithi le ndoda eliRasta ibisoloko inomvandedwa kuba yafumanisa ukuba wayengenatyala uMampangashe. Unina kaNtsika uNonqaba Mampangashe uthi ziyamxolisa iindaba zokuba le ndoda izibulele ngokwayo.

“Ndixole kakhulu kuba akukho mntu ungcolise izandla zakhe ngenxa yalo mntu, le ntsango athi yathathwa ngumntwana wam ufumanise ukuba yathathwa kwangunina,” uthethe watsho uMampangashe. Ingxelo ithi uNkohla wahlaba uNtsika Mampangashe izihlandlo eziliqela ngencula emva kokuba kulahleke isihlahla sakhe sentsangu ngoCanzibe ngo2015.

Izityholo zabahlali bala ndawo, zithi le ndoda yagqogqisa ngencula yayo ngalo mini yentlekele ifunisa ngesihlahla sayo sentsangu. “Phambi kokuba ahlabe uNtsika, wahlaba nabanye abantwana ephambene efuna esi sihlahla sentsango yakhe, kanti ibiwe ngunina,” uthethe watsho uNonqaba Mampangashe. Le nkosikazi ithi ikhathazeke ngeyona ndlela kukushiywa kwayo ngunyana wayo onguNtsika kuba ebesele elixhadi lekhaya.”

“Ebephangela lo mntwana, ebeluncedo ekuhlaleni nakubantwana abaseSuthwini ebelu ncedo, kodwa ndixolile kuba umbulali wakhe uzibulele naye,” utshilo uMampangashe. Othethe egameni lamapolisa aseCumakala, uSiphokazi Mawisa, uthi ngenene bayalazi ityala likaSiphesihle Nkohla. “Bekulindeleke ukuba avele enkundleni ngesi sityholo sokubulala kodwa amapolisa afumanise ukuba uzixhomile kwindlu ebehlala kuyo,” utshilo uMawisa.

UMawisa uthi abanabo ubungqina bokuba bakhona abanye abantu abahlatywa nguNkohla ngencula phambi kokuba ahlabe uMampangashe. “Asinabo thina singamapolisa ubungqina malunga nabanye abantu abahlatywe ngumtyholwa, sazi ukuba ebeza kubekwa ityala lokubulala, ebekwagrogrisa namangqina kweli tyala,” uthethe watsho uMawisa.

Ingxelo yabahlali ithi ngabantu abane abathi bahlatywa yile ndoda ngalo mini yentlekele yokubhubha kukaNtsika Mampangashe. “Wabhubhela esibhedlele eMonti edumbe kumazantsi wesisu ngenxa yamanxeba okuhlatywa ngencula,” utshilo uNonqaba Mampangashe. Eli tyala bekulindeleke ukuba libuyele enkundleni ngomhla wamashumi amabini ananye kwiveki ephelileyo, le ndoda izixhome ngentseni ngale mini yetyala.