Ubomi ejele kwababulala umbhexeshi weANC eCala

Ubomi entolongweni kuThembisile Sixakana (32), Mnoneleli Mpusu (44) kwakunye noMawande Dlephu (32) abadubula, babulala emini emaqanda umbhexeshi weANC kumasipala iSakhisizwe nomasipala iKhowa uThanduxolo Nobhongoza.

Esi sithathu sigwetywe yinkundla yamatyala ephakamileyo yaseMthatha ebichotshelwe eCacadu kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo ephuma kwiNPA, uNobhongoza wadutyulwa emini ngakowabo eCala Extension ngeyeNkanga ka2018.

Owayengungqondongqondo kweli tyala ngowayeligosa lezendlela eSakhisizwe uLoyiso Nyembe, nowayeqeshe la madoda mathathu ekubeni abulale uNobhongoza waye wabanjwa naye. Nangona nje waye wabanjwa, waye wabhubha xa kusaqhuba ityala emva kwengulo emfutshane.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi uNyembe wayesoloko etyholwa ngokuba nobuqhophololo kumatyala ayamene neelayisenisi zokuqhuba azithengisayo. Ezo zityholo zamenza angavisisani noNobhongoza, wagqiba ekubeni ambulale.

UNyembe wafuna aba bafana benza lo msebenzi kowabo kuQumbu.

Ngethuba kuqhuba ityala, bonke bathi abanatyala phambi kwenkundla, besithi kodwa ngosuku lokubulawa kukaNobhongoza bayavuma babeseCala beyokulanda imoto kuNyembe.

Esi sithathu siye sanikwa ubomi ngaphakathi. Ngaphezulu bongezelwa iminyaka esixhenxe yokuba nemipu engekho semthethweni.