Ubomi emva kokudlwengulwa

Umfanekiso: Uthunyelwe

UZilungile Monti* (29) owazalelwa eZindutyaneni kwilali
yakuTsolo, uwile evuka, ezamana
nobomi bakhe ukuba bufane nobabanye abantu.

Le ntokazi ikhulele kwidolophu yakuTsolo apho ibihlala khona
nonina, oyena mntu owamkhulisayo.

UMonti nguye yedwa kumama wakhe futhi noyise akazange wambona. Le
ntokazi ikhule ingafani nabanye abantwana futhi nayo ibizikhetha kubo kuba
kaloku ebona isimo futhi nendlela aphethwe ngayo engingqini apho wayehlala
khona kuTsolo, oku kwakungenxa yesimo sakhe awazalwa naso sokungakwazi
ukuthetha.

UMonti ufunde amabanga akhe aphantsi eEfata School of Blind
and Deaf. Ngonyaka ka2004, umama wakhe uye wasweleka emshiya eneminyaka
elishumi elinesihlanu (15), kulapho ke aye wathathwa yititshalakazi yakhe, yade
yamcela nakoonontlalontle ukuba imthathe
aze ayokuhlala nayo, waze walishiya naye ikhaya lakhe kuba kaloku  wayesemncinci ukuba wayengenakuzihlalela
ngela xesha.

Iqhubekile nezifundo zayo le ntokazi, incediswa kwangumfundisintsapho
wayo  ogama angakhange aliveze, kuthe
ekuhambeni kwexesha, waqhelana nokuhlala nomzali wakhe omtsha nowayenguye
utitshalakazi
wakhe esikolweni.  

“Kwakunzima ekuqaleni
kuba kaloku lo mntu ndandingamqhelanga futhi wayengenguye nomama, kodwa ndanyamezela
kuba kaloku kwakunyanzelekile ndiqhubeke nempilo.”

Ngonyaka ka2005, le ntombi yayihamba yodwa isuka esikolweni,
kulapho ke awathi watsalwa ngala madoda emtsalela ehlathini elalikufutshane,
ekuzameni ukuzilwela kwakhe akakhange aphumelele kuba amandla wakhe ayengafani
nawala madoda, bafika kweli hlathi bamdlwengula ngokuphindaphindiweyo,
ngokothuka nokoyika akazange abaqaphele ebusweni.

Ubahambile oogqirha uMonti, kulapho wafumanisa khona ukuba
unentsholongwane kaGawulayo. “Ukuphila kum kwakungathi kufikelele esiphelweni, ndizonyanya, ndizibuza ukuba
kanti uThixo ndamenzani?, kulapho ndayeka khona isikolo, ndaqalisa ukusela,
ndahamba ndihlala ebahlobeni bam endandifunda nabo,” utshilo uMonti kusehla
inyembezi emehlweni akhe.

Kunyaka ka2009,  uye wagula
walaliswa eNelson Mandela
Hospital
, waqalisa
ukusebenzisa iipilisi, kulapho ke wadibana khona nomntu ancumisana naye, inguye
ke nowathi wamnikeza ithemba lengomso ebomini.

“Azange ndiyikholelwe xa endixelela ukuba uyandithanda futhi ufuna
ukwakha ikhaya nam, kodwa uThixo wandinikeza intliziyo yokuba mandivume,
nditsho nje ndonwabile kuba kaloku umntu endincumisana naye undenze umzali emntwaneni
oyintombazana. Lo nto iyandiphilisa!” utshilo uMonti encumile.

*UMonti ayilogama lakhe lokwenyani. Sisebenzise gama limbi ukuze sikhusele ukwaziwa komntwana wakhe.