Ubuhlanga kwababolekisa ngemali yokuthenga izindlu

UKUBA ubukhe wenza isicelo semali-mboleko yokuthenga indlu, kodwa awaphumelela, isenokuba ulixhoba lenkqubo yokucalu-calulwa ngenxa yebala lakho kuquka nendawo ohlala kuyo.

Kwindibano ebikhwetywe ngurhulumente eMonti kutshanje, kuvele ukuba iinkampani ezinkulu ezinamabango eziza zezindlu zijonga ibala nendawo umntu ahlala kuyo phambi kokuba ziphumeze izicelo zemali-mboleko.

Le ndibano yaseMonti ibikhwetywe ngeenjongo zokushukuxa umthetho-sihlomelo olawula imali-mboleko kwabo bafuna ukuthenga izindlu (Home Loan and Mortgage Disclosure Amendment Bill) kuquka nomthetho omtsha osayilwayo ozakuvumela intatho-nxaxheba yoluntu kwimibandela yabathengisa ngezindlu (Public Participation of the Property Practitioners Bill).

Abanini bezindlu, ingakumbi uhlanga lwabamhlophe, bebeyinxalenye yale ndibano kwihotele iRegent eMonti.

UGaza Phoku, ongumlawuli kwi-ofisi yeemfihlo zolwazi lwabo bathenge izindlu kwisebe lokuhlaliswa koluntu kuzwelonke, uthi baqaphele ukuba luninzi ucalu-calulo ngakubantu abamnyama abanomdla wokuthenga izindlu, ingakumbi abo basaqalayo.

“Ngokomzekelo, ibhanki okanye umzi obolekisa ngemali, uyakrini-kriniza ukubolekisa ngemali kumntu ofuna ukuthenga indlu eSoweto. Kwakhona, ukuba iibhanki ziqaphela ukuba uhlala kwindawo ekufutshane namatyotyombe, ziyakrini-kriniza ekubolekeni imali,” utshilo uPhoku, esithi ngale mithetho iqulunqwayo bajolise ekubeni balusiphule neengcambu olu calu-calulo.

Kwakhona, uPhoku uthi bakwaqweba namacebo okukhusela abathengi bezindlu kwizehlo ezinomkhethe zabo bathengisa ngezindlu. “Ngokomzekelo ufike umntu ehlawule indlu iminyaka elishumi elinesibhozo, kwale xa esezingxakini zezimali ithathwe indlu kodwa ushiyekelwe nje lixesha elingephi ukuba ayigqibe ukuyihlawula. Kwezinye izehlo, uye ufumanise ukuba indlu yomntu osezingxakini zezimali iye isiwe kwifandesi, abe yena enganikwanga ithuba lokuphefumla ukuba ingaba uyafuna kusini na ukuba isiwe kwifandesi,” utshilo uPhoku.

Uthi lo mthetho uzakukhusela abo bafuna ukuthenga izindlu, okanye sele bezithengisile, kwizenzo ezigwenxa ezenziwa yimizi yemali-mboleko. Kwakhona lo mthetho uzimisele ukulusiphula neengcambu ucalu-calulo ngokobuhlanga, okanye ngokwebala kwanendawo umntu ahlala kuyo.

Le mithetho isajikeleza kwilizwe liphela, apho abathengisi ngezindlu nabo bemali-mboleko yokuthenga izindlu, banikwa ithuba lokuba baveze izimvo zabo. Xa sele uphunyeziwe lo mthetho, umntu ofumanisa ukuba uye wacalu-calulwa uzakuba nethuba lokufaka isikhalazo kurhulumente.