Ubulungisa kubafundi abadlwengulwa besegxamesini

Bafumene ubulungisa abafundi ababini abadlwengulwa ubusuku bonke, kwiminyaka emine edlulileyo, befolelwe ngamadoda amane.

Ingxelo ithi aba bafundi, ababeneminyaka elishumi elinesithandathu ngoko, bavingcelwa ngamadoda amane ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeThupha ngo2013 besegxamesini labo kwilali yaseMadamini KwaBhaca (Mount Frere).

Emva kokuba zingenile ezi zidlwengu, zagrogrisa aba bafundi ngemela nehamile zibanyanzela ukuba babelane ngesondo nazo.

Batshintshiselana ngabo, babadlwengula ubusuku bonke ze bahamba ekuseni. Emva kokuba zihambile ezi zidlwengu, aba bafundi baxelela inkosi yendawo eyabiza amapolisa.

Amaxhoba akwazi ukuzikhomba ezi zidlwengu kwaye ifowuni eyayibiwe kwaba bafundi yafunyanwa komnye wezi zaphuli-mthetho.

Kutshanje inkundla yengingqi yaKwaBhaca izigwebe ubomi ejele ezi zidlwengu zinguKatiso Ralikotsi (25), Bandile Fikanisi (21) noKwandile Moleko (20). Esinye isidlwengu sibhubhe ngethuba kuqhuba ityala.