Ubungozi bokuthetha unomsindo

Namhlanje bathandi nabalandeli benkuthazo yangomvulo ndifuna sikhe siqwalasele ubungozi bokuthetha xa ukwiimpebeleo zomsindo okanye kukhona into ekucaphukisileyo.

Inyaniso ithi, akekho umntu onokwazi ukuzibala izinto esezikhe zachitheka empilweni yakhe ngenxa yesizathu sokuthetha unomsindo okanye ukhubekile, Andizanga kuzothi sukubanomsindo, kodwa ndizothi gada ulwimi lwakho xa unomsindo.

Kukhona abantu abasentilongweni kwaye abangazange bacinge ukuba bangaze balubeke unyawo lwabo kula ndawo kodwa ngenxa yokuthetha nokwenza uqhutywa ngumsindo bazibhaqe sebepha kwaye uninzi lwabo xa kunamhlanje bayazisola.

Kubekhona abantu abaphulukene nemetshato yabo ngokungaqondakaliyo abanye bade batyhole ukuthakathwa, abanye basole amaqabane abo bengazi okokuba olona tshaba lomtshato wabo ibekukuthetha belawulwa ngumsindo.

Ukanti kanajalo bakhona abantu abaphulukene neendawo zabo zokuxelenga kwangenxa yolu tshaba kuthiwa ngumsindo, umzekelo omnye ngenxa yokungeneliseki kubaphathi bakhe akhuphe amazwi ekuthi kungaphelanga neyure abe sele ezisola ukuba bekutheni aze awathethe.

Abanye banabantu ababethandana nabo kwathi mhla besohlukana basabenzisa amazwi abukhali ekungekho lula ukuwabuyisela umva ngenxa yomonakalo awayenzayo, kuthi ke ngoku sekudlule iminyaka mhlawumbi sele nifuna ukuxolelana kodwa amazwi enawasebenzisayo mhla nanisohlukana awacimi engqondweni ,kwaye awulibaleki nomonakalo awayenzayo entliziyweni.

Ndifuna ke mfundi wephepha I’solezwe lesixhosa undibambe kakuhle namhlanje kuba ndiqinisekile awunqweneli kulahlekelwa zizinto zexabiso ngenxa yolu tshaba nexelegu lingumsindo.

Ayikho into enentlonti nelixelegu njengomsindo , uyayazi uba ungaxabana nomntu ekuseni lithi lingekajiki nelanga uve umsindo uthetha nawe usithi “UYAZIBONA UMONAKALO OWENZILEYO” kubekukhona ucaphuka nyhani kwaye awusacaphukeli le nto uyenzileyo ucatshukiswa ngulo mbuzo uwubuzwa lolu tshaba kuthiwa ngumsindo, ngamanye amazwi umsindo ukuthethisa into ubungazange ucinge ukuyithetha uphinde kwawona uhlekise ngawe ubuze uba yintoni le ingaka uyithethileyo kwaye uzoyicima kanjani.

Nanjengomntu ohamba esenza inkuthazo kwiindawo ngeendawo ingakumbi ezinabantu abaxelengayo, uninzi lwabantu abaphetheyo banomsindo ngakubasebenzi abaphantsi kwabo nabasebenzi banemisindo ngakubaphathi babo.

Lo nto ke iqhelekile kodwa ayinabungozi bubhekelepi ungekavuli mlomo uthethe usenomsindo.

Nazi ke iznto ezimbalwa endirhalela uzibuze zona phambi koba uthethe xa unomsindo:

* Ingaba la mazwi ndizowathetha kulo mntu undicaphukisayo ndingabe ndisakwazi ukuwathetha naxa ndingasenamsindo ,ukuba ndingakwazi ndingakwazi ukuwathetha ngale ndlela ndizowathetha ngayo ngoku.

Ukuba uqonda akauhle ngekhe ubesakwazi ukuwathetha la mazwi ,ndiyakucebeisa ungabisawathetha, noba sele wonakele kangakanani kumele ukhumbule kakuhle ukuba awukho umonakalo olungiswa ngomonakalo.

Uthi omnye umama Tata uMalimba ndiyafuna kona ukubuyela emtshatweni kwaye nendoda yam ibonakalisa ukuzisola kodwa kunketeza amazwi awawathetha mhla sisohlukana, uthi kwakungcono ukuba wayengathethanga andibethe njengoko wenzayo kuba andisabuva ubuhlungu bokundibetha kwakhe kodwa ngoku kuphela unyaka wesibini amazwi awasuki engqondweni yam, kwamna ndizibona ndiyiyo yonke le nto wayesithi ndiyiyo.

Ngamanye amazwi wabale amazwi owathethayo xa unomsindo kuba umsindo lixelegu lento engakungcolisela umtshato wakho, ikungcolisele umsebenzi wakho, ikungcolisele ishishsini lakho.

* Ingaba ingakhona ingxaki xa le nto ndifuna ukuyithetha ngalo mzuzu ndiyithetha xa sele noko wehlile umsindo.

Ndiyayazi ukhona umntu othi hayi umsindo awulawuleki xa sele ufikile ,mamela ke ndikuncede, ukuba awukwazi kulawula umsindo awukwazi kulawula impilo yakho.

Ndidla ngokuthi xa ndisenza iintetho zokwakha imitshato, kukhona abantu abathi xa bexabana nabalingane babo baxolele nantoni bezama ukuphumelela ingxoxo kwaye bayiphumelele nyhani kodwa umntu aphulukane nalo ebexoxa naye.

Kumele uzibuze umbuzo othi kokuphi okungcono kunokuphumelela ingxoxo kunokuzuza umlingane wam. Baninzi abantu apha pandle abaphumelele ingxoxo kodwa baphulukana nabantu ebebexoxa nabo okanye nezinto abebezixoxela.

ukanti wena mntu sele wenze umonakalo ngenxa yesi sifo neli xelegu kuthiwa ngumsindo, ZIXOLELE, WANDULE UYOXOLISA NAKUBANTU OBENZAKALISILEYO NGENXA YOKUTHETHA UNOMSINDO.

Suzigweba, sucinga kakubi ngawe akukapheli ngemipilo yakho ,usathana ebecinga ugqibile ngawe kanti uzothenga eli phepha kutshintshe impilo yakho.

UNGABISANIKEZELA.