Ubuqhophololo bubuqhophololo, qha qwaba

Ukuchitha ixesha uxoxa malunga nokuba ingaba iMpuma Koloni yeyona ndawo eqatseleyo kusini na kubuqhetseba nobuqhophololo, kufana nje nokuchitha ixesha uxoxa malunga nokuba wayaphi na * “i” kwigama ledolophu yaseDutywa okanye * “* ” kwigama ledolophu yaseMthatha.

Inyaniso yeyokuba loo ngxoxo akukho apho isa mntu khona kuba kwalo “i” nalo “* ” ebengafanelekanga kwasesimeni. Yiyo le nto kuthe kwalilishwa ukuva uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, echitha ixesha kwelokuba eli phondo asililo eliqatseleyo kubuqhetseba nobuqhophololo.

Nokuba yila R1 000 etyiwa ngamalungu eSGB nootitshala abathile xa kuphela unyaka okanye la R200 oyipha umongikazi ukuze akubele amayeza neepilisi ekliniki okanye esibhedlele, ubuqhetseba nobuqhophololo bakuhlala bugqwalisekile phambi kobuso babantu abanxanelwe inkqubela kwiindawo abahlala kuzo.

Ubuqhetseba nobuqhophololo butya kwimali ebifanele ukuba iphucula ubomi babavoti. Isizathu sokuba kungalungiswa okanye kwakhiwe iindlela ngexesha kwindawo yakho ingathi kanti kwenziwa bubuqhetseba nobuqhophololo. Abantu abenza ubuqhetseba nobuqhophololo batya kule mali ebifanele ukuba iya eluntwini, bekwenza oko ngokusenga inxili yabarhafi ehleli ilambatha kwayona.

Yiyo le nto kubalulekile ukuba abantu abenza ubuqhetseba nobuqhophololo bangabizwa ngamagama aqhafuqhafu, uve umntu kusithiwa “uCorrupt” endaweni yokubizwa ngegama elimfaneleyo “ISELA”. Ngoku ilizwe linxungupheleyo ngenxa yobhubhane wentsholongwane yeKhorona, kukho abantu abaxakekileyo besiba imali yabarhafi.

Besibhalile ngenqaku locweyo okanye imfundiswano ngeCovid-19 ekuthiwa yenziwe ngumasipala waseOR Tambo. Abantu esithethe nabo ekuthiwa bafumene uqeqesho malunga neCovid-19 kula masipala, bathi abazani nalo nto. Yona ke iR4.8 million imkile kwinxili yaseOR Tambo.

Yiyo le nto sisithi ingxoxo yokuba eli phondo aliqatselanga kubuqhetseba nobuqhophololo ayisokuze isise endaweni, into efanele ukuba sizixakekisa ngayo kukuba kwenziwani ngabantu abenza ubuqhetseba nobuqhophololo.