Ucalulwano ngokobuhlanga lusasaza uGawulayo, utsho uTheron

“Kuluvuyo kum ukuba lapha, kodwa akufanelanga simane sidibanela oku.” Eso ibisisicelo somdlali wemiboniso bhanya-bhanya owaphumelela imbasa ye-Oscar ne-UN Messenger of Peace uCharlize Theron, nobesesinye sezithethi ezivule inkongolo yama-21 yeHlabathi engoGawulayo (21st International Aids Conference) ngobusuku bangoMvulo.

“Ndiziva ndinewonga ngokuba lapha kodwa kwangaxesha-nye ndidakumbile. Eli lityeli lesibini uMzantsi Afrika usindleke le nkomfa. Le ayiyo nto onokuziqenya ngayo.”

UTheron wongeze ngelithi, akaqondanga kusengela phantsi umsebenzi owenziwe ngabaphandi-nzulu, oosonzululwazi kunye namatsha-ntliziyo, ngeenzame zabo zokuncothula nengcambu esi sifo.

“Kodwa ndiyacinga lixesha lokuvuma ukuba kukhona okungalunganga. Lixesha lokujamelana nenyaniso yelizwe elikhohlakeleyo esiphila kulo. Sinazo zonke izixhobo zokuthintela i-HIV, kodwa izigidi-gidi zabantu ziphila ne-HIV. Bangaphaya kwezigidi ezibini nesiqingatha abantwana abashiyeke benzikedama.

“Kengoku kutheni singekasoyisi esi sifo? Mhlawumbi thina, sonke, thina sonke singabantu, asifuni.”

Uqhubekeke wathi, “Inyani yeyokuba sixabise ubomi obuthile kunobunye. Sixabise amadoda kunamabhinqa. Sixabise ubomi babo bathandana nesini esohlukeneyo kunabo bathandana befana. Sixabise abo banolusu olumhlophe kunabo balusu lumnyama.”

UTheron umemelele ulutsha lwanamhlanje ukuba lulwe nesi sifo sigqugqisayo. “Isisombululo asikho kumagumbi amachiza nee-ofisi nje kuphela, kodwa sikwiindawo zokuhlala nezikolo.”

UTheron uthe ayingoGawulayo nje kuphela otshabalalisa ubomi, kodwa nendlela yokuphatha amaxhoba odlwengulo, ukunyanzeliswa kwamantombazana amancinane athengise ngemizimba yawo, nabo bangcatsha abo basweleyo ze babasole ngendlala.

“Ayosuleli ngakwabelana ngasondo nje kuphela: Isasazeka ngenxa yocalulwano ngokobuhlanga, ngokwesini, nangokubukula abo bathandana besini sinye.”

UCharlize Theron yinzalelwane yelizwe loMzantsi Afrika kwaye waqala umbutho wokunceda ukuthintela ulosuleleko lwe-HIV kwabo basafikisayo nabo baselula ngo-2007.