Uceba ubulewe ngunyana wakhe

Obesakuba nguceba uMonde Mabandla ubulewe ngunyana wakhe eKapaUMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Kapa: Intlungu ibibhalwe ebusweni kwinkosikazi ebhujelwe ngumyeni ekutyholwa ukuba uhlatywe ngunyana wakhe eSite B eKhayelitsha. USiyolise Mabandla ebenamehlo agwanye iinyembezi ngethuba ethetha noonondaba ebalisa ngesiganeko sokuhlatywa komyeni wakhe uMonde Mabandla ngunyana wabo oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ubudala.

Ngokwengxelo yale nkosikazi unyana wakhe wayesebenzisa isiyobisi iTik kwaye bamqaphela kwiminyaka emibini edlulileyo.

“Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo sikunye nomyeni wam sathetha naye uLundi ukuba ayeke ukulala kwigumbi lakhe elingasemva, alale nathi apha endlini, emva kokuqaphela ukuba unamaxesha amaninzi okungalali endlini abuye esithi ebeyokonwaba nabahlobo. Umyeni wam uye wamyalela ukuba angaphumi endlini ukuya kubahlobo kwaye ukuba uhambile uzakubuya amseze iyeza lokuphalaza akhuphe iziyobisi.”

Le nkosikazi ithi izinto zibonakale ngathi zihamba kakuhle unyana wakhe ehlala engasayi kwimbutho kwaye elala endlini enkulu. NgoLwesine weveki ephelileyo utsalele umyeni wakhe umnxeba njengesiqhelo emini ngethuba yena esemsebenzini embuza ukuba bahleli njani nabantwana, waphendula ngelithi yonke into isalungile.

“Ndothuke xa ndifumana umnxeba othi umyeni wam ubalekiselwe esibhedlele kuba uhlatywe ngunyana wethu!”

Ngokwengxelo uLundi ubelele esitulweni ekunye noyise nodadewabo oneminyaka elishumi elinanye endlini, uthe akothuka ebuthongweni waya kwigumbi lokuphekela wathatha imela wonda ngotata wakhe, kungakhange kubekho ngxoxo. Intwazana engudade bomrhanela yiyo ezame unyango lokuqala yakuqaphela ukuba uyise uphefumla kancinci ze wayiyalela ukuba iyokubiza abantu.

“Ngoku ndinegama elitsha lokuba ngumhlolokazi, ngekungcono ukuba bekuthiwe umyeni wam ubulewe ngabantu abangaziwayo. Kubuhlungu kakhulu kuba umntu endimthandayo ubulele omnye umntu ebendimthanda, nangona kunjalo le ntlungu ndiza kuyinyamezela kuba akukho mntu unokundithathela yona!” uthethe watsho umfazi.

Le nkosikazi ixelele oonondaba ukuba unyana wayo akakagqibi nyanga zingaphi ekhululwe ngebheyile kwizityolo zokuhlaba abulale umhlobo wakhe. UMonde Mabandla ubenguceba kwaWadi 91 phakathi koka2011 noka2016 kumbutho weANC.

Ingxelo zidiza ukuba unina noninakhulu bafe isiqaqa babalekiselwa esibhedlele, eDikeni, emva kokufumana umphanga.