Uhanjiswe ze esidlangalaleni umfundi yinqununu

Lihleli exhaleni ikhaya lomfundi wamabanga aphantsi iMasikhanyise eDimbaza ngenxa yezoyikiso ezenziwa kwelikhaya yinqununu yesikolo emva kokuba le nqununu inyanzelise lo mfundi ukuba ahambe ze phambi kwabanye abafundi.

Unina womfundi kwanalo mfundi asinakumdiza ngelikhusela lo mfundi. Unina womfundi ucacise wathi, “Emva kokuyimangalela emapoliseni le nqununu ithe masiqhube ze siyixelele sakugqiba ebhekisa kule nto yokuba simmangalele.”

Lo mfundi uthunyelwe ngoogxabakhe abadala kunaye ukuba bamkhulule impahla ukuze abonwe nangabanye abafundi.

Okwa ngoku asikaziwa esona sizathu esibangele le nqununu ukuba inyanzelise lo mfundi ukuba enze oku. Amapolisa ase Dimbaza aqinisekise ukuba likhona ityala elivuliweyo kwesasikhululo (133/09/2016).

Amapolisa athi lo mcimbi unikelwe kwibutho elenza uphando olu lodwa.

“Ndibuhlungu kakhulu kuba umntwana xa umthumela esikolweni ulindele ukuba ancedwe kwiimpazamo zakhe ingakumbi ezo azenza esikolweni,” utshilo unina womfundi.

Uthi okona kumdanisayo kukuba le nqununu ayikhange ibonakalise kudana nakuzisola ngesisenzo, koko kuthiwa iyaqhubeka ibagrogrisa.

“Andiyazi into ezakwenzeka kumakazi kuba nguye lo uthethe le nto kwaye usebenza phaya nje ngompheki, ndixhalabile ngenxa yakhe,” ucacise watsho lo mzali.

Isebe lemfundo eMpuma Koloni liyangqina ukuba liyawazi lo mcimbi kuba sifike isimangalo kulo.

Othethe egameni lelasebe uMalibongwe Mtima uthi sele bethathe amanyathelo okuzama ukunika ingqalelo lo mcimbi.

“Ewe siyawazi lo mcimbi sele sithumele amagqiza amathathu ohlukileyo ukuba ayekusabela, uphando lubonisa ukuba ngenene inqununu iyenzile lento, sikwathumele igqiza eliye kwenza intuthuzelo kubafundi,” uthethe watsho uMtima.

Ukanti negqiza elikhokele esisikolo lidize ukuba liyazana nale ngxaki kodwa akukho nto linokuyithetha ngale meko. Othethe egameni leligqiza uJoseph Kwelita uthethe wenjenje,

“Siyawazi umcimbi lo kodwa ngelishwa asisoze sikwazi ukuthetha ngawo kuba uphethwe ngamapolisa, ngoku sithethayo umthetho uhamba indima yawo,” utshilo uKwelita.

Eli gqiza alivumanga ukukhupha igama lale nqununu ngenxa yokuba besithi akakhange abavumele ukuba benze oko.

Umbutho wasekuhlaleni okhathalela amalungelo abantwana iKhula Community Development Project uthi unqwenela ukubona ubulungisa busenzeka kwesisiganeko. Othethe egameni lalo mbutho uPetros Majola uvakalise indlela abeva ngayo ngesi siganeko.

“Le nto siyibona nje ngendlela yokuxhatshazwa kwabantwana bethu ingakumbi bexhatshzwa yinqununu, oyena mntu bekumele ukuba uyabakhusela abafundi esikolweni,” utshilo uMajola.