UJonas uthi akukho nto iza kuphunyezwa yiANC!

Owayesakuba nguSekela Mphathiswa wezeMali uMcebisi Jonas, uthi iyantlukwano egquba phakathi kwamalungu eANC eMpuma Koloni inefuthe elibi kulo mbutho jikelele.

UJonas uthi eli phondo belisoloko lidlala indima ephambili kumanyano lweANC kodwa ngoku indima yalo ayisacaci.

Ukuthethe oku kwisidlo sokunyusa ingxowamali yalo mbutho eQumrha.

Uthethe wathi: “Kubalulekile ukuba sivuselele umanyano lweANC kweli phondo ukuze sinike umkhombandlela kumbutho wonke.”

Ukwathe ukungaboni ngasonye phakathi kweenkokheli zeANC kusengela phantsi iinjongo zalo mbutho kuphuhliso loqoqosho lwelizwe.

“Kule minyaka idlulileyo umbutho wethu uphazanyiswe yiyantlukwano yamalungu, nto leyo ibangelwe ngamadabi obunkokheli. Oku kubangelwe kukwanda kwamanani amalungu ombutho, nokusilela kombutho kwimfundiso yepolitiki. Lo nto yenze ukuba umbutho ungathethi ngazwinye kwizinto ofuna ukuziphumeza. Siya sibuyela emva kunokuba siye phambili,” utsho uJonas.

Ukwathe uqoqosho lwelizwe lisekwigcuntswana labamhlophe kwangenxa yokusilela kweANC kwintsebenziswano nabezoshishino ekwenzeni iinguqu.

Uthe lumanyano lombutho eliya kukhokelela kwisicwangciso esiya kudala iinguqu kwimicelimngeni ejongene neANC.

Ukanti usihlalo weANC uGwede Mantashe uthe iMpuma Koloni mayiyeke ukuba lihlathi lokudungadunga iANC.

UMantashe uthe: “Wonke umntu ofuna ukudungadunga umbutho uza eMpuma Koloni. Asikafiki nakwisiqingatha emva kwenkomfa yaseNazrec kodwa sekukho asebegaya inkxaso befuna ukuba ziinkokeli baxhaswa yiANC kweli phondo.”

Ukwathe iinkokeli zeANC eMpuma Koloni mazohlukane nokutya imbewu zodwa. UMantashe ukuthethe oku ebhekisa kwimali eyabelwe uphuhliso nephelela kwinkokheli nabo bakufutshane kuzo.

Uthe xa iinkokeli zityala imbewu kuyokwanda inani lezityebi neziya kufaka isandla kwingxowamali yeANC.

Ugxeke oosomashishini abaxhomekeke embuthweni nabangahambeli ndawo baphele besenzela umbutho amayelenqe.

“Ndike ndibone ngamanye amaxesha ukuba senzelwa amayelenqe apha, kuba kufuneka simpelese ezi zityebi zakuthi. Asinawo amanaphukeni ezityebi, izityebi maziqhube, ziye phambili kuhlume nezinye,” utshilo uMantashe.

Uthe iMpuma Koloni mayiqinise iziseko kwizinto ezingayintsika yoqoqosho kweli phondo.