Ukhuphiswano lwesiXhosa

Umhleli wephephandaba Isolezwe eme ecaleni koLiyakha noEsona baseMenziwa S.S.S kunye noAvuya noSihle baseGunjana ecaleni kukaReady Monwabisi Rayi obemele uceba. Emva kwabo kume abagwebi abanguSive Biko noXabisa Moyo.

“U.N.K.A.L.A.K.A.H.L.I.S.O, unkalakahliso” kutsho umfundi waseMenziwa xeshikweni ethatha inxaxheba kukhuphiswano lopelo lwamagama esiXhosa eNdibela ngoLwesihlanu wale veki iphelileyo.

Abafundi abangaphaya kwamakhulu amathathu abasuka eDalubango J.S.S, Menziwa S.S.S naseGunjana J.S.S bathontelene phantsi kwentente nezakhiwo zaseMenziwa bezokuzibonela oogxa babo be a-a-za kupelo lwamagama esiXhosa, becacisa izaci namaqhalo, amasiko, isinxibo samaXhosa neminye imiba yakwaNtu.

“Xa abantwana bepela amagama ngoonombumba besiXhosa kuye kube lula kubo, zizandi oonobumba besiXhosa. Yiyo lo nto besokolisene kangaka ekugqibeleni. Kuxa bebecacisa intsingiselo yezaci namaqhalo kunye namagama akudala esiXhosa apho ndiye ndabona ukuba ukhuphiswano luyaqina.

“Yanga aba bantwana bangakwazi ukuphuma kwiilali bayokuphuhlisa le talente yabo kumaziko emfundo ephakamileyo. Bangaphazanyiswa kulo mgaqo bakuwo nokuzithemba kwabo abakubonakalisileyo ngalo mhla,” kutsho umhleli wephephanda I’solezwe uUnathi Kondile.

Ukanti nomququzeleli wolu khuphiswano, uTolakele Silo, uyivule inkqubo ngelithi, “IsiXhosa siyakwazi ukutyisa. IsiXhosa siyakwazi ukwenza umntu. Nam ndisafunda ndandisenza imali ecaleni ngokuguqulela amagama. Kufuneka nisixabise esi siXhosa senu. Nani nizixabise. Apha ebomini akukho nto izakuzizela kuni, kufuneka ungumntu uphakame uyokuwathatha amathuba ukuze uphumelele!” Ootitshala nabo bavakalise uvuyo lwabo ngolu suku kwanokuba abantwana bezikolo zabo befumana ithuba lokuthatha inxaxheba kwiinkqubo ezikumila kunje.